IsiXhosa FAL P2 Feb-March 2015

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 23

NATIONAL

SENIOR CERTIFICATE

IBANGA 12

ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO (FAL)

IPHEPHA LESIBINI (P2)

FEBRUWARI/MATSHI 2015

AMANQAKU: 70

IXESHA: 2 iiyure

Olu viwo lunamaphepha angama-23.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 2 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

IMIYALELO NENGCACISO

1. Funda le miyalelo ngenyameko phambi kokuba uqalise ukuphendula imibuzo.

2. MUSA ukuzama ukufunda lonke iphepha lemibuzo. Yiya kwiphepha


lesiqulatho elilandelayo uze uphawule amanani emibuzo esetwe kwiincwadi
ozifundileyo kulo nyaka. Emva koko, funda le mibuzo uze ukhethe leyo ufuna
ukuyiphendula.

3. Eli phepha LINAMACANDELO amaNE:

ICANDELO A: Inoveli (35)


ICANDELO B: Idrama (35)
ICANDELO C: Amabali amafutshane (35)
ICANDELO D: Isihobe (35)

4. Phendula IMIBUZO EMIBINI iyonke: umbuzo NGAMNYE ukhethwa


NAKUWAPHI amacandelo amaBINI.

ICANDELO A: INOVELI
Phendula umbuzo kwinoveli oyifundileyo.

ICANDELO B: IDRAMA
Phendula umbuzo kwidrama oyifundileyo.

ICANDELO C: AMABALI AMAFUTSHANE


Phendula imibuzo esetwe kumabali amafutshane OMABINI.

ICANDELO D: ISIHOBE
Phendula imibuzo esetwe kwimibongo YOMIBINI.

5. Sebenzisa itshekhlisti ukuzincedisa.

6. Landela imiyalelo esekuqaleni kwecandelo ngalinye ngononophelo.

7. Nombola iimpendulo zakho kanye ngokwendlela ekunonjolwe ngayo


kwiphepha lemibuzo.

8. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA.

9. Ingcebiso yokulawula ixesha: Sebenzisa imizuzu engama-60 kwicandelo


ngalinye.

10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 3 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

IPHEPHA LESIQULATHO

Eli phepha liza kunceda abafundi bakwazi ukukhetha imibuzo abafuna ukuyiphendula
ngaphandle kokufunda lonke iphepha.

ICANDELO A: INOVELI

Phendula imibuzo ekwinoveli oyifundisiweyo.


INANI LOMBUZO UMBUZO IPHEPHA AMANQAKU
1. Kusa kusihlwa Umbuzo 5–8 35
omfutshane

2. Umqol'uphandle Umbuzo 8–11 35


omfutshane

ICANDELO B: IDRAMA

Phendula imibuzo ekwidrama oyifundisiweyo.


3. Ndiyekeni Umbuzo 12–15 35
omfutshane

ICANDELO C: AMABALI AMAFUTSHANE

Phendula YOMIBINI imibuzo esetwe kumabali amafutshane.


4.1 Ndakuyicela Umbuzo 16–17 18
ivuthiwe omfutshane

4.2 Kanti andizenzanga Umbuzo 18–19 17


omfutshane

ICANDELO D: ISIHOBE

Phendula YOMIBINI imibuzo esetwe kwimibongo.


5.1 Intyatyambo Umbuzo 20–21 18
omfutshane

5.2 Umanyano Umbuzo 22-23 17


omfutshane

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 4 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

ITSHEKHLISTI

ICANDELO AMANANI INANI LEMIBUZO PHAWULA


EMIBUZO EPHENDULWAYO
A: Iinoveli

(Kusa Kusihlwa 1–2 1


Umqol'uphandle)
OKANYE
B: Idrama

(Ndiyekeni) 3 1

OKANYE
C: Amabali amafutshane
4 1
(Ndakuyicela Ivuthiwe
Kanti Andizenzanga!)
OKANYE
D: Isihobe

(Intyatyambo 5 1
Umanyano)

QAPHELA: Qinisekisa ukuba uphendule imibuzo kumaCandelo amaBINI


kuphela.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 5 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

ICANDELO A: INOVELI

Phendula umbuzo kwinoveli oyifundileyo.

UMBUZO 1

KUSA KUSIHLWA – KS Bongela

ISICATSHULWA A

1.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

Nanto wayeyithiyile egazini, yayikukubona uJwarha encokolisa omnye umntu


obhinqileyo nokuba ngubani na apha esibhedlele ...

Akukhathaleki nokuba yena ebengekafiki esalindelwe. Into embi yayikukuba


nokuba selecetyiswa ngabahlobo bakhe wayengeva mntu ngoJwarha wakhe.
Kodwa ke kuyo yonke loo nto uthando lwakhe aluzange lugungqe,
luphasalake, lubhange kusini. Babengumtya nethunga. Emva kweminyaka
emithathu enesiqingatha, uNomakhwezi wabugqiba ubongikazi jikelele, waza
engaphozisanga maseko, wathabatha isebe lokubelekisa kwalapha
esibhedlele.

Uthe akuba eliphumelele eli sebe, bakhawuleza batshata. Bagqibe kwelokuba


mabaphangele iminyaka ibe mibini mithathu ... ULungile ucinge ngokuvula
ivenkile eMlazi, G.G. apho athe wafumana khona inxiwa kwakunye nendlu.

Naxa iindawo zorhwebo zidla ngokunqaba, noko yena lo mfana ube


nethamsanqa kuba le venkile nalo mzi zibe zithengiswa ngumfo owayekade
ezisebenzisa koko wafudukela eLusuthu apho wayevela ngenxa
yokunyanzelwa yimithetho emitsha ethi amathuba makanikelwe kubemi
nabantu baloo ndawo. Umnini-venkile lo wayeyithengisa nakubani na koko
uLungile waqala wayiva le nto abanye abantu bengekayiva. Bathi
beyindwebela bafika seleyithengile. Babakhona ubuhumhum
obuthethekayo bokuba uLungile ngokwakhe wayengamelwe
kukuyifumana le venkile kuba akangomZulu.

Omnye wabantu ababeziintshatsheli ekuthetheni nabantu kakubi mayela nalo


mcimbi yayingumfo wakwaMakhwetshu owayehleli kwelaseThekwini isithuba
seminyaka engamashumi amabini, wada wacinga ukuba ungumZulu …

1.1.1 Kwesi sicatshulwa kukho isivakalisi esinentsingiselo ethetha ukuba


uLungile noNomakhwezi babevana.

(a) Chonga eso sivakalisi. (1)

(b) Chaza ukuba sisetyenziselwe ukuphuhlisa ntoni ngoLungile


noNomakhwezi. (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 6 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

1.1.2 Matanisa iimpawu zenoveli ezikuKholam A neempendulo


ezikuKholam B.

KHOLAM A KHOLAM B
(a) Umbalisi kwesi sicatshulwa. (i) UNozililo

(b) Umlinganiswa ongumchasi (ii) UYolisa


kweli bali.
(iii) Umbhali

(iv) UMpumelelo (2)

1.1.3 Bube njani ubudlelwane bukaLungile noNomakhwezi emva


kokuba betshatile? (1)

1.1.4 Uphuhlisa ntoni umbhali ngoMakhwetshu ngokusebenzisa le


ntetho ilandelayo?

'... wada wacinga ukuba ungumZulu ...' (2)

1.1.5 Esi sicatshulwa sithathwe kwinqanaba lengabula-zigcawu. Ngqina


oku. (1)

1.1.6 Yintoni abonisa ngayo uYolisa ukuba umbona uNomakhwezi


njengomntu ongamhloniphiyo uLungile? (1)

1.1.7 Chaza okuthethwa sisivakalisi esibhalwe ngqindilili kwisicatshulwa. (2)

1.1.8 Xela amagama eetshomi zikaNozililo awayezisebenzisa ekwenzeni


iyelenqe lokubulala uMpumelelo. (2)

1.1.9 Sisetyenziswe njani isimo sentlalo kweli bali ukuveza


ukukhohlakala kukaNozililo? (2)

1.1.10 Bonisa ubuchule bombhali bokusebenzisa iphupha likaLungile


lokutsha kwevenkile yabo kweli bali. (2)

1.1.11 Ingaba yayilungile okanye yayingalunganga imithetho eyanyanzela


uMosiu ukuba ayithengise ivenkile yakhe eyayiseMlazi? Xhasa
impendulo yakho. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 7 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

ISICATSHULWA B

1.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

'Into oya kuyibona yile yokuba esi sibhedlele uza kusenza sibe sincinci ukanti
siza kuthi ungaphelanga nonyaka lo basuke abantu basixake. Nangoku
omnye umntu ebekhe wafika esithi unesifo sokuwa. Ndimnike unyango,
ndathi aze abuye aphinde ndisenzela ukuba aze kubonwa nguwe kwiveki
elandelayo. Uthe ebuya waba selebhutyuke umzimba lo wonke kukutsha.
Kubonakala ukuba uthe akunikwa amayeza isifo satshintsha kulaa nto
besiyiyo. Kubonakala ukuba le nto yenzeke eyedwa waza waba ufumana
ukwenzakala bengekho abantu ngokwengxelo. Xa ebesesibhedlele
ngesindile.'

'Wena usathetha ngomntu omnye. Baninzi ekudala befika apha kum, beze
ngaloo nto. Kule minyaka mibini iyodwa, ndixilonge abantu abangama-350
bezifo ezinxulumene nengqondo kuphela.'

'Ayavakala Jwarha. Hlabela mgama, ndoda, siyitshaye isaqhuma.' Uyibethe


yancinci endleleni imoto ukuya kudibanisa abasemagunyeni, kwiSebe
lezeMpilo eMthatha. Intlanganiso abenayo nabo yathatha iintsuku ezintlanu
emana ebuyelela, edibanisa kulo nalowa, kucokiswa zonke izinto ezifuna
ukuqwalaselwa. URhulumente akaneliswanga ngala manani ebesiza nawo,
aba bantu athi bafuna isibhedlele. Kuye kwafuneka ugqirha lo aphinde aye
emaphandleni aye kuqokelela ngokwakhe obunye ubungqina bokuzalisekisa
lo mbandela.

1.2.1 Xela igama lendawo esakhiwa kuyo esi sibhedlele kuthethwa


ngaso kwisicatshulwa. (1)

1.2.2 Zinto zini athi uThembisa zibe ngunobangela wokutsha


kwesigulana esinesifo sokuwa? (2)

1.2.3 Xela iindawo uThembisa noMpumelelo abaya kufunda kunye kuzo. (2)

1.2.4 Chaza iinzame ezenziwa ngutitshala uNgxowankulu ukunceda


ukuba uThembisa afunde de abe ngugqirha. (2)

1.2.5 Yintoni injongo kaMpumelelo yokuba afundele ubungcungela


kwizigulo zengqondo. (2)

1.2.6 Imvelaphi kaThembisa yahluke njani kwekaMpumelelo? (2)

1.2.7 Ukwakha isibhedlele kukaMpumelelo kuzalisekisa okwathethwa


emngcwabeni kaLungile ngoMpumelelo. Ngqina oku. (2)

1.2.8 Yintoni injongo yombhali ngokusebenzisa uThamsanqa


njengomnye wabalinganiswa kweli bali? (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 8 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

1.2.9 Ukwenza ukuba ibe nguNozililo ongumntu ongumama oqhekeza


umzi wakwaNtsibande ngamayelenqe, kubonisa ...

Khetha impendulo ibe nye echanekileyo kwezi zilandelayo:

A Ingcinga enye ebethelelekileyo.


B Ukuqala ugwebe phambi kokuba uve.
C Ingcinga edlelelela iqela elithile labantu.
D Ukucalucalula ngokwebala labantu. (1)
[35]

OKANYE

UMBUZO 2
UMQOL'UPHANDLE – PM Ngani
ISICATSHULWA A
2.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

'Ukuba bakhona abanye apha eMonti, andingebazi apho bazifumene khona


kuba le kuphela kwevenkile enezi bhatyi apha eMonti-masendisithi,
nakwezinye iindawo kweli loMzantsi Afrika. Nditsho kuba nathi asikazithumeli
kumasebe ethu akwiindawo ngeendawo kuba sisafuna khesiqonde ukuba
zothengiseka njanina. Zona zivela kumzi ezenziwa kuwo, Phesheya. Ekwazini
kwam, kweli loMzantsi Afrika liphela, yivenkile yethu yakwaFemina House
kuphela ethengisa impahla evela kulo mzi waPhesheya.'
'Uthetha ukuba abo babini bawahlawule onke ngaxeshanye loo mashumi
mathandathu eerandi?'
'Bobabini, ekukhumbuleni kwam, abathathi ngatyala kule venkile. Bayihlawula
yonke loo mali ngaxeshanye.'
'Uthetha ke ukuba awungewakhumbuli amagama abo? Ndiza kukuxelela
ukuba ndibuzela ntoni na: Ndiyayithanda le bhatyi kodwa bendingathanda
ukuba ndithi phambi kokuba ndiyithenge, khendiqale ndibone umfaneleko
wayo kulowo uyinxibileyo, ndiqonde nakwabanye ukuba bayithanda njani na;
ndiqiniseke kuqala ukuba eyam inkosikazi ingafanelwa na yiyo. Kaloku
iyakwazi ukuthi into intle, suke ingamfaneli umntu ... Kaloku iinjongo zam
zezokuba ndenze isipho engasilindele. Andifuni nokuthenga into engayifanele
ngemali enkulu kuba kwakubanzima kuyo ukuthi iyiphiwe okwenduk'
omnquma, ikwazi ukundixelela ukuba imbi, ayiyifuni. Kanti ukuba abaza
kundicebisa bayibona inxityiwe ngomnye, zebabone ukuba yoyifanela
inkosikazi, ndoyithenga ngaphandle koloyiko ...'

2.1.1 Le ngxoxo ilapha kwesi sicatshulwa iqhubeka phi? (1)

2.1.2 Kutheni uHlobo etyelele kule venkile? (1)

2.1.3 Uthi uHlobo ufuna ukuyithengela bani le bhatyi? (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 9 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

2.1.4 Ngezivakalisi ezibini chaza okwenziwa ngamakhosikazi aye kule


venkile uHlobo wayetyelele kuyo. (2)

2.1.5 Zizathu zini ezabekwa nguHlobo ezabangela ukuba aphume


engathenganga kwezo bhatyi azibonisiweyo kuloo venkile? (2)

2.1.6 Umbhali usebenzise isaci xa uHlobo achaza indlela aza kuyipha


ngayo inkosikazi yakhe ibhatyi.

(a) Chonga esi saci asisebenzisileyo. (1)

(b) Cacisa ukuba uHlobo uthetha ukuthini ngesi saci. (1)

2.1.7 Chaza izinto aziphazamileyo kuphando lwakhe uHlobo ezivezwe


kukuxinwa kwakhe yimibuzo yegqwetha likaLinda. (2)

2.1.8 Xela udidi lwempixano olubonakaliswa ziingcinga zikaHlobo akuva


ukuba ukhona omnye umntu oyithengileyo le bhatyi ngaphandle
kukaLinda? (1)

2.1.9 Ibonisa ukuba unayiphi inkolelo umbalisi kwintetho yakhe ethi,


'Waqonda loo mini ukuba abafazi aba zizithanda- kwazi, abantu
abangakwazi mpela ukuzigcinela iintakumba zabo ...'?

A Unenkolelo yokuba abafazi bangabantu abathanda iindaba.

B Unenkolelo yokuba abafazi bayazicingela.

C Unenkolelo yokuba abafazi banengqondo kunamadoda.

D Unenkolelo yokuba abafazi ziziyatha. (1)

2.1.10 Ziziphi iziganeko EZIBINI ezimenza umfundi wale ncwadi


anxunguphale malunga nophando olwenziwa nguHlobo. (2)

2.1.11 Ucinga ukuba abaxhasi bakaLinda bavakalelwa njani akukhululeka


kwityala lokubulawa kukaEddie noLulama? Xhasa impendulo
yakho. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 10 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

ISICATSHULWA B

2.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

Wangena ibhatyi yesuti awayeyinxibile iyokozela ziimbasa awayesele ejizwe


ngazo kwinkonzo yakhe yobucuphi.

Wafika engalindelwe koko elanganzelelwa ligquba lamapolisa. Ekhwapheni,


wayethe khu umshini wetape recorder. Uwuthe thaca phezu kwetafile, wathi,
'Ncedani nindizisele amabanjwa aphezolo, ndahlukane nawo. Sendingxamele
ukwenza amalungiselelo okuya ekhefini lam lonyaka.'

Uthe ephuma owayesiya kuwalanda, yabe indlu yonke inxakama: 'Uyifanele


loo holide, Dick!.' Uncumele ecaleni unkabi.
Emzuzwini, angene amabanjwa selenyoshoza. Anikwe izitulo, ahlala- amehlo
abhekiswa kuHlobo ngumntu wonke. Umf'omkhulu utyede ibhatyi, wafinyeza
imikhono yehempe. Uthe akuthetha, kwe nzwanga endlwini. 'Phakathi
kwethu,' uqale ngelo, 'sinenyhweba yokubona le nzwakazi kunye nala
manene mathathu.

Mhlawumbi ke nina anibazi. Into eniyaziyo inye yeyokuba babanjelwe


ukuqhuba ishishini elingekho mthethweni, ngokuthengisa intsangu. Yivani ke
ndinixelele nangaphezulu koko:

'Le nzwakazi nguThembisa Ntlokonkulu. Osecaleni kwayo nguThemba


Mdoda, ibenguKhulile Dungana noWelile Nzulube. Bonke ke ngabaphathi
bombutho esiwaziyo nesiwuhloniphileyo, umbutho ovunyiweyo
ngabasemagunyeni- iMoonglow Night Club.

'Lo mbutho wasekelwa ukonwabisa abantu ngeenjongo zokuba bazilibale


iinzingo zabo zemihla ngemihla.
'Njengokuba benzile nje, bonke ke zizihlobo zikamfi uEddie Maga- laa Eddie
wayeyintsika yaseMoonglow, laa Eddie wafa ngendlela eyaziwa nguye wonke
ubani olapha. Ezi ke zizihlobo zikaEddie, ndiyaphinda nditsho.'

2.2.1 Xela indawo eyafumaneka kuyo le tape recorder yaba luncedo kolu
phando. (1)

2.2.2 Ukunxakama kwamapolisa akuba ebambe amalungu


aseMoonglow kubonisa ntoni ngoHlobo? (1)

2.2.3 Yintoni injongo yokuba uHlobo ngale mini aza kuveza ngayo
ababulali bakaEddie azinxibe iimbasa zakhe? (2)

2.2.4 Le holide kuthethwa ngayo kwesi sicatshulwa yayimfanele


ngokwenene uHlobo. Ngqina oku. (2)

2.2.5 Ngokwesicatshulwa xela eli shishini lingekho mthethweni


abanjelwe lona la malungu aseMoonglow? (1)

2.2.6 Yintoni eyenza ukuba la mabanjwa angene selenyoshoza? (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 11 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

2.2.7 Matanisa intetho ekuKholam A nesithethi esikuKholam B.

KHOLAM A KHOLAM B
(a) 'Ngokwenene (i) Joe Bumba.
andiphumeleli ukuya
ebhayo namhlanje ...' (ii) Linda Monti.

(b) 'Ncedani nindizisele (iii) Sajini Ngqondi


amabanjwa aphezolo,
ndahlukane nawo.' (iv) Hlobo.
(2)

2.2.8 Oku kuphindwa kwentetho ethi, 'zizihlobo zikaEddie,' kuphuhlisa


ntoni ngezi zihlobo zakhe zaseMoonglow? (2)

2.2.9 Nguwuphi owona mxholo uphambili udluliswa ngumbhali kule


ncwadi? (2)

2.2.10 Kule ncwadi kukwafundiswa ukuba ubugewu abuhlawuli. Ngqina


oku. (2)

2.2.11 Esi sicatshulwa sithathwe kuliphi inqanaba lesakhiwo sebali?


Xhasa impendulo yakho. (2)

AMANQAKU ECANDELO A: 35

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 12 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

ICANDELO B: IDRAMA

UMBUZO 3

NDIYEKENI – DM Jongilanga

ISICATSHULWA A

3.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

Funeka: Yazola imini yeemini. Uhleli Zanele?


Zanele: Kudala ndihleli intokunayo ndibambe eshushu intlanganiso.
Funeka: Ulumke ungazisikeli enqatheni, hleze linqume ukuba akuyi
kucwaya yonke into.
Zanele: Yakungena intaka endlwini ayibuyi lubuyayo.
Funeka: Mawo! Intlwa ayibanjwa ngentloko isavela. Buza kuthi bhabha.
Namhlanje le ndlu kufuneka ilungiselelwe ukufika kookumkani.
Impahla mayime ngolunye uhlobo.
Zanele: O! Nkosi yam! Ndinga andingenikezeli elubala.
Funeka: Keep your charm and don't lose your head. Indoda yenze
ikuzingele ungawugquki umkhondo.
Zanele: Izitulo ziza kuma njani?
Funeka: Yekela kum wena. Inkosana yohlala apha, wena uze uhlale
kwesi sijongene naso, nikwazi ukungqalana. Enye into ke
ndoyiyekela kuwe sana, umdala ungaka nje.
(Atsho ezalatha izitulo.)
(Ukutshona kwelanga)

Funeka: Izinto zimi ngoonina (Kulungiswa iitafile ...)

Zanele: Masikhawulezise ntanga, nantsi ifika imoto yokuqala. (Bakrobe)


...
Funeka: Mkhaya betha soje, ungenzi mlembelembe wabavangeli.
Jerry: Kulungile mkhaya, inkomo sele ilungele ukuhlatywa, amade
ngawetyala. Boys and girls, namhlanje sivuyisana nomkhaya
wam uFuneka. Niyazi ukuba akanyotywanga koko uvaviwe
ngemfaneleko ekuphumeleleni ubongikazi. Impumelelo emva
komzabalazo ifuna ukuthanjiswa ... Niyazibona ke ezi tafile.
Zixakathe okweenyosi nje zingqina ubuhle bale ndibano. Niya
kufikelela kuzo zonke iziqhamo, into yemini enye ayenzi nto
mntu, ingenakubeka bani bala kwathini.
Mandla: Siyabulela wakuthi, wenjenje umntu ukuze ihambo yakhe
ithamsanqeleke, ...

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 13 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

3.1.1 Le mini ibaluleke ngantoni kuFuneka le nto athi xa athetha ngayo


athi yimini yeemini? Xela zibe MBINI. (2)

3.1.2 Yintoni unobangela wale ntlanganiso athi uZanele uyibambile? (1)

3.1.3 UFuneka entethweni yakhe noZanele usebenzise ibinzana


elithetha ukuba uZanele angazibeki ethembeni kakhulu.

(a) Chonga elo binzana. (1)

(b) Cacisa ukuba eli binzana lisetyenziselwe ntoni. (2)

3.1.4 Matanisa iinkcazelo ezikuKholam A nophawu lwedrama


olukuKholam B.

KHOLAM A KHOLAM B
(a) Kwingxoxo yedrama. (i) Umbhali ubalisa
ngokwakhe.
(b) Umsebenzi
wamagama (ii) Ibali elibaliswa kumntu
akwizibiyeli kwidrama. wesithathu.

(iii) Amagama abalinganiswa


akhokela iintetho zabo.

(iv) Kukubonisa intshukumo


yabalinganiswa (2)

3.1.5 Chaza ukuba la mazwi kaJerry alandelayo abhekisa kubani,


uchaze nenjongo yawo.

'... into yemini enye ayenzi nto mntu, ingenakubeka bani bala
kwathini.' (2)

3.1.6 Kutheni le nto kusetyenziswa eli theko ukufaka uMawonga


emgibeni? (2)

3.1.7 Yintoni eyenze kwalula ukuba uFuneka amsebenzise uJerry


kwiyelenqe lakhe? (1)

3.1.8 Igama elikrwelelwe umgca kwesi sicatshulwa livelisa yiphi


intsingiselo ngokwakwesi sicatshulwa? (1)

3.1.9 Le ngxoxo ikwesi sicatshulwa ithathwe kuliphi inqanaba lesakhiwo


sebali? Xhasa impendulo yakho. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 14 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

3.1.10 UFuneka uzotywe wangumlinganiswa ocalanye. Ngqina oku


ngokwasebalini. (2)

3.1.11 Umxholwana wothando olujolise kwinzuzo uwuvelise njani


umbhali? (2)

3.1.12 Ukusela kukaMawonga utywala kwaFuneka ngale mini kube


nafuthe lini ekuphumeleleni kweyelenqe likaFuneka noNdila? (2)

3.1.13 Ukwenza ukuba ibe nguFuneka noZanele abangoomama


abaqulunqa iyelenqe lokufaka uMawonga emgibeni wokusela
utywala kubonisa:

Khetha impendulo ibe nye echanekileyo kwezi zilandelayo:

A Ingcinga enye ebethelelekileyo.


B Ukuqala ugwebe phambi kokuba uve.
C Ingcinga edlelelela ngokobuhlanga.
D Ukucalucalula ngokwebala labantu. (1)

ISICATSHULWA B
3.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

Ndila: Kwekhu! Ndifike kamnandi Funie girl neh? (Atsho ahlale phantsi)

Funeka: Asazi ke bhuti Dicksie, sova ngawe, hleze uthi kanti uza
kutshatisa iLawukazi.

Ndila: Watsho mfondini, nihleli apha nenene lodumo lwale ngingqi.


(Atsho esalatha uLoni.)

Loni: Kanti ke, noko zisaqhwaya, andikafikeleli kummango wezikhova.

Funeka: Tyhu bethu! Yintoni embi kule nto ithethwa nguDicksie? Ukuba
ummithi yitsho siphendule leyo.

Ndila: Hayi noko ntozakuthi ndiyaqhula.

Zanele: Akukho nto ibitheni kakade, inja ebe amaqanda izidiza


ngokuyebeyebeza.

Loni: Bendingazi ukuba uthando kanti sihleli nje lukhokho lobutshijolo


notshaba.

Funeka: Ubuncwane bobomi zizothuso eziza nantyilelo zimbi.

Loni: Ndiyabona ndiqonda kakuhle ukuba iinyosi azinabudlelane


neempukane. (Atsho ephakama)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 15 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

Ndila: Hayi mfo kaLoni sukugqiba ukuthetha unge uyayolela, makhe


sihlinze le nkabi. (Atsho ebeka umngxu phezu kwetafile)

Funeka: Zanele, yiza nezitya sana ubeke phambi koDicksie.

Ndila: Hambisa mtshana. (athabathe, uZanele ahambise kuselwe)

Ndila: Ndicinga ukuba ngoku imizimba iswabulukile, kuba siphethe


ezesibini iibhekile.

Loni: Hayi mfo kaNdila uyibethe yee shwaka nengcalangcala.

Ndila: Ndiyavuya ukuba elo lizwi liphume kuwe mfo kaLoni. Wakha wathi
mhlamnene utywala ziingcambu zomthombe.

Loni: (Ebuthuka) Ihasa alichukunyiswa, hleze ivumba lalo lonakalise


umbuso.

Funeka: Awuzi konakala, wonakalayo, ibe andazi nanto osafuna yona


apha kudala sisithi canda umoya uxele utolo lwabaThwa.

3.2.1 Amazwi kaNdila aphoxisayo, abhalwe ngqindilili kwesi sicatshulwa


abonakalisa ukuba umbona uLoni njengomntu onjani? (1)

3.2.2 Igama, 'uyayolela' elikrwelelwe umgca kwesi sicatshulwa


lisetyenziselwe ukusivelisela ntoni malunga nokuza kwenzeka
apha ebalini? (2)

3.2.3 Umoya wale ngxoxo ikwisicatshulwa ubonisa ntoni ngobudlelwane


obuphakathi kukaLoni noNdila? Xhasa impendulo yakho. (2)

3.2.4 Nika naziphi iziganeko EZIBINI ezilapha ebalini ezibonisa


ukungalungi kotywala. (2)

3.2.5 Ingaba uLoni ubenalo ulwazi lokuba nguNdila odlale indima enkulu
ekumeyeliseleni etywaleni? Xhasa impendulo yakho. (2)

3.2.6 Ngokwesicatshulwa yintoni le ngcalangcala kuthethwa ngayo? (1)

3.2.7 Yintoni eveliswa ngala mazwi kaNdila akrwelelwe umgca


ngaphantsi kwisicatshulwa malunga nobudlelwane bakhe noLoni? (2)

AMANQAKU ECANDELO B: 35

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 16 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

ICANDELO C: AMABALI AMAFUTSHANE

Phendula imibuzo esetwe kuwo OMABINI amabali amafutshane.


UMBUZO 4
NDAKUYICELA IVUTHIWE – LL Ngewu & EZ Guqa

ISICATSHULWA A: NDAKUYICELA IVUTHIWE -EZ Guqa


4.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

UQolwana ufikile kowabo ngeny'imini ehamba nomfazi wakhe. Wavuya unina


ukuqonda ukuba ukumka kukaNokwanda akuvulanga sikhewu. Umfazazana
wenzelwe utsiki, abizwa amadoda akwaNdlambe ukuba aze kuzimasa itheko.
Angxolile la madoda ukuba abanjiswe into esinqeni engayazi nokuba ibiqale
kanjani na. Ukuba ibingekho inyama ingxolo ngeyithande ukuba qatha, ... Into
ekhe yawaphazamisa kukufumanisa ukuba ezinye iinkomo zekhazi
likaNokwakha zathengiswa ngeenjongo zokulobola umntwana waseThekwini.

Enye indoda ikhe yabuza ukuba ikhazi elo lalichotshelwe ngubani, koko
uQolwana waxela ukuba yonke loo nto wayenza nonina womfazi. Ahlafunile
amadoda kubonakala ukuba akahlafuni nje inyama kuphela, koko ahlafunisisa
nale nto ayixelelwa ngunyana wamaNdlambe. Emva kwexesha, sekufuna
ukulibaleka uMluleki, isankonde sakwaNdlambe, senjenje ukuthetha,

'Qolwana, mntwana wam, ndimdala ndingaka nje. Into enje ngale uyenzileyo
asilosiko lalapha. Kumcimbi wekhazi akakho umntu osina ezombelela.
Umtshato asiyonto yakho nomfazi wakho. Kuyafuneka ukuba nabanye abantu
babenenxaxheba abayidlalayo, kuba le nto yenu iya kuhamba ihambe ifune
nabany'abantu. Ukuba ubulumkile mntwana wam ngowungahambanga ngale
ndlela, kodwa ke umntu akabuboni ubudenge bakhe. Ndiyathemba ke ukuba
akuyi kusifuna xa umqa sowomele ephinini. Kodwa le yakho into, ndakuyicela
ivuthiwe'.

4.1.1 Xela ukuba eli bali liqhubeka emaphandleni okanye ezidolophini. (1)
4.1.2 Matanisa iimpawu zebali ezikuKholam A nempendulo ekuKholam B.

KHOLAM A KHOLAM B
(a) Umbalisi kwesi (i) NguQolwana
sicatshulwa.
(ii) NguMluleki
(b) Umlinganiswa oyintloko
kweli bali. (iii) Ngumbhali

(iv) NguNokwanda (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 17 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

4.1.3 Yahluke njani indlela owasingathwa ngayo umcimbi welobola


kaNokwanda kokaNozukile? (2)

4.1.4 Kuphuhlisa ukuba unamvakalelo ni uMluleki ngokuzilobolela


kukaQolwana ngokuphinda ibinzana elisisihloko sebali, 'ndakuyicel'
ivuthiwe' ebalini? (2)

4.1.5 Ingaba indlela awayisingatha ngayo inyewe yekhazi lakhe


uQolwana yamkelekile ngokwesiko lakwaNtu? Xhasa impendulo
yakho. (2)

4.1.6 Chaza okwenziwa nguNozukile ukuzama ukuba uninazala


ajongane nekhaya. (2)

4.1.7 Ngqina ubunyani bale ntetho ithi 'akakho umntu osina ezombelela'
ngokwalapha ebalini. (2)

4.1.8 Ngokwasebalini uMaVumisa umbona njengomolokazana onjani


uNozukile? (1)

4.1.9 Sisiphi isiganeko esamtsho uQolwana waziva ngathi yinkunzi


enqunyulwe amanqindi emva kokuba ecetyiswe ngamaNdlambe. (1)

4.1.10 Ibangelwa yintoni impixano ephakathi kukaMavumisa


nomolokazana wakhe? (1)

4.1.11 Bonisa indlela umbhali amsebenzise ngayo umlinganiswa


onguMluleki kweli bali? (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 18 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

ISICATSHULWA B: KANTI ANDIZENZANGA – EZ Guqa

4.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

UMntuyedwa wathiywa eli gama ngabazali bakhe kuba wavela


sekuncamekile ukuba bangaze bavuzwe ngomntwana. Le nkewu ke ikhule
iyodwa kowayo kucaca ukuba eli gama layo lamenza wakhalala nalowo
wayenokubavuza ngomnye umntwana abazali bayo. Umntwana ke okhula
yedwa kowabo ubanazo izinto ezininzi ezimphosayo nezimphuncukayo koko
kukhula kwakhe. Ukhula engayazi into yokuxabana axambulisane
nabantakwabo bade balwe ngohlobo olunokwenza umntu acinge ukuba lonke
elo dabi lisuka kwintiyo, kanti phantsi kwayo yonke loo nto kukho uthando
olwendeleyo nolungenakuqotywa bani.

Into yokukhula yedwa kukaMntuyedwa kwenze ukuba abenobuhlobo


nobudlelwana nje obubodwa nonina uMaDam. UMntuyedwa izinto ebezifuna
ukumqhokra apha ebomini ubezibalisela uMqhorhana, nomnye
angamqhwebuli ngentsini koko amqhubele kwindlela elula yokusombulula loo
ngxaki. UMaDosini ke ubesoloko elungele ukusombulula nasiphina isishiqi
unyana wakhe asibona njengento engxamel'ukuxaka intendele. Xa
kutshawuza imibane, uMntuyedwa ubenethemba lekhusi elingunina. Xa
kusiwa amachaphaza andulela isichotho, unkabi ubengaziva evikivekile kuba
ubesazi ukuba akanakuba licham kuba unina eyintonga yokumvikela. Ukhule
njalo ke lo mfo ekhulela ekhusini elingunina.

Kwalile xa ineminyaka elishumi elinesithathu le nkewu, kwacaca ukuba kuyo


kukho ukunqongophala kwezinto ezintama ubukhwenkwe enkwenkweni.

4.2.1 Kwakutheni ukuze abazali bakaMntuyedwa bamthiye eli gama? (1)


4.2.2 Yeyiphi into awakhula engayazi ngenxa yokuba ekhula yedwa? (1)

4.2.3 Sivelisa ntoni ngobudlelwane bukaMntuyedwa noMaDosini esi


sivakalisi silandelayo?

'UMntuyedwa izinto ebezifuna ukumqhokra apha ebomini


ubezibalisela uMqhorhana ...' (2)

4.2.4 UMntuyedwa wayexoxiselwa ntoni ngamakhwenkwe


asesiKhobeni? Xela zibe MBINI. (2)

4.2.5 Isenzo samadoda sokuxoxa agqibe ngoMntuyedwa engakhange


ambize uMaDosini sibonisa ukuba anaziphi iingcinga kwezi?

A Ingcinga enye ebethelelekileyo malunga nabantu.


B Ingcinga ecalula abantu ngokwesini.
C Ingcinga ecalula abantu ngokwebala.
D Ingcinga eziqhatha abantu kwiindawo zabo. (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 19 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

4.2.6 Ingaba uMaDosini wayamkela impendulo kaMfundisi malunga


nokugxothwa kukaMntuyedwa? Xhasa impendulo yakho. (2)

4.2.7 Bonisa ubuchule bombhali ngokuzalanisa isihloko sebali esithi,


'Kanti andizenzanga' nomxholo. (2)

4.2.8 Esi sicatshulwa sifumaneka kweliphi inqanaba lesakhiwo sebali?


Xhasa impendulo yakho ngesizathu ESINYE. (2)

4.2.9 Bonisa ukufaneleka kwesigqibo sikaMaDosini sokuba naye aphele


esithi uMntuyedwa makahambe eSikhobeni. (2)

4.2.10 Yintoni injongo yombhali ngeli bali? (2)

AMANQAKU ECANDELO C: 35

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 20 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

ICANDELO D: ISIHOBE – VUKANI MADODA KUSILE

Phendula imibuzwana YOMIBINI.

UMBUZO 5 (UMBUZO OMFUTSHANE)

5.1 Funda lo mbongo ulandelayo uze uphendule imibuzo.

Intyatyambo – M Mbutuma

1 Ewe, ntyatyambo, kha usibonise,


2 Ewe kaloku, kha usixelele:
3 Elona xesha lokuba ume,
4 Ililiphi n'elona ziko lakho,
5 Aph'umnt'u angakha khona,
6 Uphi n'owona mthombo wakho
7 Aph'umnt'angazikholisa khona,
8 Aph'angahlal'azikhelele,
9 Aph'angazidid'akruquke.

10 Baxolil'abahamb'emimangweni,
11 Kub'ubaph'ukuyol'emathafeni.
12 Babukel'ubuhle nehombo yakho.
13 Ubaxolisil'abazingeli bakho,
14 Balibala bebuk'ubuhle bakho,
15 Uzidlamkisil'iinyamakazi,
16 Ziphaphile zinokuqavakazi,
17 Zidl'obakh'ubuncuthu,
18 Zikunye neentaka zezulu,
19 Zidl'incind'emyoli kakhulu.

20 Ziindid'ezininz'iintyatyambo.
21 Ulinganiswa nomXesibe nabaMbo.
22 Kant'umthinjana ukwenz'ihombo,
23 Ukwenz'uvunywe lilizwe
24 Ngomsebenzi wakho wobuzwe.
25 Waa, ntyatyambo, uvunyiwe,
26 Ngenene ngevumb'uthandiwe
27 Kanti ngobuhl'uvunyiwe.
28 Ngomfaneleko wasamele.

29 Ndikubona futh'emifuleni
30 Aph'uhlal'emafuku-fukwini.
31 Ngokungath'usekuwahombiseni
32 Loo manz'anzongo-nzongo ezizibeni.
33 Phezu kwamachib'uyakhonya
34 Ujikwa-jikwa kuhle ngumoya,
35 Ningqungqe kuhle nivum'ingoma,

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 21 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

36 Adungek'amanzi sel'eman'encoma,
37 Induluk'imisinga al'amanxwema
38 Zon'izitiya sel'izezakho
39 Kub'uman'ufunyanw'apho.
40 Zon'iibhekile namagogogo
41 Neembodlelana zikubeka kuzo,
42 Zide zikufak'ezindlwini.
43 Ubune kukuhlal'endlwini
44 Buphel'ubuhle kuni
45 Kuwe imvuthuluka kwakuni
46 Nilahlwe ubuhle bungasekho kuni.

5.1.1 Imbongi isebenzise isimntwiso kwisitanza soku-1.

(a) Chonga esi simntwiso. (1)

(b) Chaza ukuba kutheni usithi sisimntwiso nje. (1)

5.1.2 Umbhali usebenzise amagama 'iziko' no 'mthombo' kwisitanza


soku-1 ngokubhekiselele kwintyatyambo ukubonisa ...

Khetha impendulo ibe nye echanekileyo kwezi zilandelayo.

A Ukutsha kwentyatyambo.
B Imvelaphi yentyatyambo.
C Ukunkcenkceshelwa kwentyatyambo.
D Ukuthenwa kwentyatyambo. (1)

5.1.3 Bhala ngesivakalisi ESINYE umongo oqulethwe sisitanza soku-1. (2)

5.1.4 Ngumfanekiso-ntelekelelo wantoni umbhali awusebenzise kumqolo


wama-21? Chaza ukuba ucacisa ntoni. (2)

5.1.5 Xela iindidi zibe MBINI zendalo ezonwatyiswa yintyatyambo


kwisitanza sesi-2. (2)

5.1.6 Mvakalelo ni enayo imbongi kwisitanza sesibini? (2)

5.1.7 Yintoni injongo yembongi yokugqibelisa ngemiqolo yama-43–46


kulo mbongo? (2)
5.1.8 Ifumaneka phi intyatyambo ngokwemiqolo yama-29-30. (2)
5.1.9 Nika igama elifumaneka kumqolo wama-28, elithetha into enye
negama, 'ugqwesile.' (1)

5.1.10 Mfundiso ni edluliswa ngumbhali kulo mbongo? (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 22 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

5.2 Funda lo mbongo ulandelayo uze uphendule imibuzo.

UMANYANO – ZS Qangule
1 Ubuhlobo babo yindima yobobo
2 Ubuhle babo ngamagqabi ehlobo.
3 Zimvo zabo bubunzulu bolwandle,
4 Qilimba lwazo ntsimbi yesinyithi.
5 Izivondoviya zemihla zenza ingxolo,
6 Zigxutsha kutsho kube bubutyobo.

7 Bona basala beme njengezikhondo,


8 Kaloku ezantsi iingcambu zibambene.
9 Zavela ziphefumlelana ngamoya mnye,
10 Kuba zingqubeka matyeni manye.
11 Ningalibali zintshula mbewini inye,
12 Kwasekuqaleni zihamba ndlela inye,
13 Bathi igazi liyajiya kunamanzi,
14 Kanti iingcambu ziyakufunxa okumanzi.

5.2.1 Xela udidi lophindaphindo lwesandi olukrwelelwe umgca


ngaphantsi kwimiqolo yoku-1 nowesi-2 kunye nomsebenzi walo. (2)

5.2.2 Kutheni imbongi ikhethe igama u- bobo xa ibhekisa kumanyano? (2)

5.2.3 Imbongi isebenzise isifaniso kumqolo wesi-7.

(a) Chonga esi sifaniso sisetyenziswe yimbongi. (1)

(b) Chaza ukuba kutheni sifanelekile esi sifaniso. (1)

5.2.4 Matanisa amabinzana akuKholam A nentsingiselo ekuKholam B.

KHOLAM A KHOLAM B
(a) Abantu abazimvo (i) Abantu abangaqiqiyo xa besenza
zabo zibubunzulu into.
bolwandle.
(ii) Abantu abaziintshaba bezalana.
(b) Bathi igazi liyajiya
kunamanzi. (iii) Abantu abaqiqayo phambi
kokwenza.

(iv) Abantu abanqandelana


ngokuzalana. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 23 DBE/Februwari–Matshi 2015
NSC

5.2.5 Xela iimpawu EZIMBINI ezibonisa ukuba lo mbongo yisonethi. (2)

5.2.6 Uthini umyalezo oziswa yimbongi ngomanyano kulo mbongo? (2)

5.2.7 Cacisa amazwi embongi athi, 'kaloku ezantsi iingcambu


zibambene' ngokubhekiselele kumanyano? (1)

5.2.8 Isihloko salo mbongo singqinelana njani nombongo? Xhasa


impendulo yakho. (2)

5.2.9 Azisa luvo luni ngomanyano amagama abhalwe ngqindilili


kwisitanza sesi-2? (2)

AMANQAKU ECANDELO D: 35
AMANQAKU EWONKE: 70

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

You might also like