IsiXhosa HL P2 Nov 2022

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 26

NATIONAL

SENIOR CERTIFICATE

IBANGA 12

ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL)

IPHEPHA LESIBINI (P2)

NOVEMBA 2022

AMANQAKU: 80

IXESHA: Iiyure 2½

Olu viwo lunamaphepha angama-26.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 2 DBE/Novemba 2022
NSC

IMIYALELO NENGCACISO

1. Funda le miyalelo ngocoselelo phambi kokuba uphendule imibuzo.

2. Musa ukuzama ukufunda lonke iphepha loviwo. Funda itheyibhile yesiqulatho


ekwiphepha lesi-4 uze uchonge imibuzo ebuzwe ngoncwadi olusekelwe
ukufundwa kulo nyaka. Emva koko, funda le mibuzo wandule ukhethe oza
kuyiphendula.

3. Eli phepha loviwo linamaCANDELO amaTHATHU:

ICANDELO A: ISihobe (30)


ICANDELO B: Inoveli/Uncwadi Lwemveli (25)
ICANDELO C: IDrama (25)

4. Phendula imibuzo EMIHLANU iyonke:

Imibuzo EMITHATHU kwiCANDELO A, OMNYE kwiCANDELO B NOMNYE


kwiCANDELO C ngale ndlela ilandelayo:

ICANDELO A: ISIHOBE
IMIBONGO EFUNDISIWEYO – Phendula imibuzo EMIBINI.
UMBONGO ONGAFUNDISWANGA – Ngumbuzo onyanzelekileyo.

ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI


Phendula umbuzo OMNYE.

ICANDELO C: IDRAMA
Phendula umbuzo OMNYE.

5. UKHETHO LWEMIBUZO KUMACANDELO B (INOVELI/NONCWADI


LWEMVELI) NECANDELO C (IDRAMA).

 Phendula KUPHELA imibuzo ekwiNoveli/Uncwadi Lwemveli nakwiDrama


oyifundileyo.
 Phendula UMBUZO OSISINCOKO ubemNYE NOMFUTSHANE
ubemNYE.

Xa uphendule UMBUZO OSISINCOKO kwiCANDELO B, unyanzelekile ukuba


uphendule UMBUZO OMFUTSHANE kwiCANDELO C. Xa uphendule
UMBUZO OMFUTSHANE kwiCANDELO B, unyanzelekile ukuba uphendule
UMBUZO OSISINCOKO kwiCANDELO C. Sebenzisa itshekhlisti ukwenza
oku.

6. UBUDE BEEMPENDULO

 Umbuzo osisincoko kwiSihobe kulindeleke ukuba uphendulwe


ngamagama ali-190–240.
 Umbuzo osisincoko kwiNoveli/Kuncwadi Lwemveli nakwiDrama
kulindeleke ukuba uphendulwe ngamagama angama-340–390.
 Ubude beempendulo zemibuzo emifutshane buxhomekeke kulwabiwo
lwamanqaku. Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule ngokuvakalayo
nangokusemxholweni.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 3 DBE/Novemba 2022
NSC

7. Landela imiyalelo ebhalwe ekuqaleni KWECANDELO NGALINYE


ngocoselelo.

8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ulandela indlela ekunonjolwe


ngayo kwiphepha loviwo.

9. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA.

10. Yaba ixesha ngolu hlobo lulandelayo:

ICANDELO A: Malunga nama-40 emizuzu


ICANDELO B: Malunga nama-55 emizuzu
ICANDELO C: Malunga nama-55 emizuzu

11. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 4 DBE/Novemba 2022
NSC

ITHEYIBHILE YESIQULATHO
Le theyibhile yesiqulatho kulindeleke ukuba incedise abafundi bakwazi ukukhetha imibuzo
abaza kuyiphendula khon'ukuze bangafundi iphepha loviwo lonke.
ICANDELO A: ISIHOBE
Imibongo efundisiweyo: Phendula NAYIPHI NA imibuzo EMIBINI.
INANI LOMBUZO UMBUZO AMANQAKU INOMBOLO
YEPHEPHA
1. 'Umkhosi wemidaka' Umbuzo osisincoko 10 6
soncwadi
2. 'Umlambo' Umbuzo omfutshane 10 8
3. 'Unozakuzaku' Umbuzo omfutshane 10 9
4. 'Intliziyo yam' Umbuzo omfutshane 10 10
KUNYE
Umbongo ongafundiswanga: Unyanzelekile
5. 'Inyaniso' Umbuzo omfutshane 10 11
QAPHELA: Phendula umbuzo OMNYE OSISINCOKO nombuzo OMNYE OMFUTSHANE. Xa
uphendule UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO B, unyanzelekile
ukuba uphendule UMBUZO OMFUTSHANE kwiCANDELO C.
ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI
Phendula umbuzo OMNYE.*
6. Inkawu idliw' ilila Umbuzo osisincoko 25 12
soncwadi
7. Inkawu idliw' ilila Umbuzo omfutshane 25 12
8. Nyana Wam! Nyana Wam! Umbuzo osisincoko 25 15
soncwadi
9. Nyana Wam! Nyana Wam! Umbuzo omfutshane 25 15
10. Ukhozi Olumaphiko Umbuzo osisincoko 25 17
soncwadi
11. Ukhozi Olumaphiko Umbuzo omfutshane 25 17
OKANYE
12. Ubuncwane Boncwadi Lwemveli Umbuzo osisincoko 25 19
soncwadi
13. Ubuncwane Boncwadi Lwemveli Umbuzo omfutshane 25 19
ICANDELO C: IDRAMA
Phendula umbuzo OMNYE.*
14. Buzani Kubawo Umbuzo osisincoko 25 21
soncwadi
15. Buzani Kubawo Umbuzo omfutshane 25 21
16. Indlal' Inamanyala Umbuzo osisincoko 25 24
soncwadi
17. Indlal' Inamanyala Umbuzo omfutshane 25 24
*QAPHELA: KUMACANDELO B no-C, qinisekisa ukuba uphendule umbuzo OMNYE
OSISINCOKO nombuzo OMNYE OMFUTSHANE.
Nceda ungaphenduli imibuzo EMIBINI ezizincoko okanye imibuzo
EMIBINI emifutshane.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 5 DBE/Novemba 2022
NSC

ITSHEKHLISTI

Kulindeleke ukuba abaviwa baqwalasele itshekhlisti elandelayo ukuqinisekisa ukuba


bakhethe imibuzo ngokuchanekileyo.

ICANDELO AMANANI INANI LEMIBUZO TIKISHA


EMIBUZO EPHENDULWAYO NGASEZANTSI
A: ISihobe
1–4 2
(ISihobe esifundisiweyo) emiselweyo)
KUNYE
A: ISihobe
5 1
(ISihobe esingafundiswanga) ongamiselwanga)

B: INoveli OKANYE Uncwadi


LweMveli
(Umbuzo osisincoko 6–13 1
soncwadi OKANYE umbuzo
omfutshane)

C: IDrama
(Umbuzo osisincoko
14–17 1
soncwadi OKANYE umbuzo
omfutshane)

QAPHELA: KUMACANDELO B no-C, qinisekisa ukuba uphendule umbuzo OMNYE


OMDE nombuzo OMNYE OMFUTSHANE.
Nceda ungaphenduli imibuzo EMIBINI emide okanye imibuzo EMIBINI
emifutshane.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 6 DBE/Novemba 2022
NSC

ICANDELO A: ISIHOBE

IMIHOBE YESIXHOSA – B Ngombane

IMIYALELO

 Kweli candelo kubuzwe imibongo nezibongo EZINE ezifundisiweyo nombongo


OMNYE ongafundiswanga.
 Ulindeleke ukuba uphendule nayiphi na imibuzo EMIBINI ebuzwe kwimibongo
okanye kwizibongo ezifundisiweyo; KUNYE nombuzo OMNYE wombongo okanye
isibongo esingafundiswanga.

QAPHELA: Umbuzo ongumbongo ongafundiswanga KUNYANZELEKILE ukuba


uwuphendule. Qinisekisa ukuba ukhetha imibuzo EMITHATHU kweli
candelo.

IMIBONGO EFUNDISIWEYO

Phendula NAYIPHI NA imibuzo EMIBINI.

UMBUZO 1: UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI

Funda esi sicatshulwa sombongo silandelayo, wandule ukuphendula umbuzo


olandelayo.

UMKHOSI WEMIDAKA – SEK Mqhayi

……………
1 Phakathi! Phambili!
2 Phakathi! Phambili!!
3 Mathol' ezala kulandelwa
4 Nokhulul' amaFiji,
5 Nihlangul' amaGala;
6 Ninced' amaBhisiniya;
7 Niwajij' amaMjiji,
8 SingamaBhritani maan,
9 SingamaBhritan' ephelele!

10 Ifikil' ingom' amadoda!


11 Soyivuma ngemihlali,
12 Siqabel' iintaba zematopo;
13 Siqabel' iintaba zamaKenya,
14 NezeSikhalima-njalo,
15 Siyivuma ngemincili:
16 Ingom' ebhombo noganda-ganda
17 Ingom' esinandile nerhuluwa.
18 Hambani makwedini!
19 Zenibuye kamsinya!
20 Kuba nasekhaya kukh' amaGqubusha.
21 Nibuye nexhoba lomhlaba;

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 7 DBE/Novemba 2022
NSC

22 Ningalishiy' eleenkomo;
23 Nibuye nodumo nozuko;
24 Nibuye noloyis' oluhle;
25 SingamaBhritani thina,
26 Mabandl' angatshonelwa langa.
27 Ndee ncincilili!
28 Ndee ntshobololo!!!

Tyhila indlela olusebenza ngayo uphindaphindo ukukhuthaza umkhosi kwesi


sicatshulwa sesibongo.

Impendulo yombuzo osisincoko ngamagama ali-190–240. [10]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 8 DBE/Novemba 2022
NSC

UMBUZO 2: UMBUZO OMFUTSHANE

Funda isicatshulwa sombongo esilandelayo, wandule ukuphendula imibuzo.

UMLAMBO – JJR Jolobe

……………
1 Ngoku ke ndivela
2 Kuloo nzonzobila.
3 Sendimhle, ndimhlophe, ndihlambulukile.
4 Sendiphuma phaya,
5 Ecaleni kanye
6 Lezaa ntaba zimahlathi abumnyama.

7 Sebesela apha
8 Bonke, baneliswe
9 Abanxaniweyo bayo le mimandla.
10 Abahlambi kum na,
11 Bacoceke gqathu,
12 Boshum'abangcolileyo bezi ntlambo?

13 Kanti akusoze
14 Ubone kuncipha
15 Nakungcola kwami kukuhlamba oko;
16 Waye ungasoze
17 Ubone kudinwa
18 Kukwenz' ubulungisa, yonk' imihla le.

2.1 Xela isithethi kwesi sicatshulwa sombongo. Xhasa impendulo yakho. (2)

2.2 Caphula kwistanza soku-1, umqolo onika intsingiselo yokuba umlambo


awusafani nakuqala. (2)

2.3 Chaza umsebenzi wombuzobuciko okwisitanza sesi-2. (2)

2.4 Chonga uphindaphindo kwisitanza sesi-3 uze unike ifuthe lalo. (2)

2.5 Ngqina ukuba esi sicatshulwa sombongo sithathwe kumbongonkcazo. (2)


[10]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 9 DBE/Novemba 2022
NSC

UMBUZO 3: UMBUZO OMFUTSHANE

Funda isicatshulwa sombongo esilandelayo, wandule ukuphendula imibuzo.

UNOZAKUZAKU – ZS Qangule

……………
1 X' ilanga lehlobo libantu bahle,
2 Umf' omkhulu wocela k' indlela.
3 Xa kuthe qab' unoqolomb'efile nje,
4 Ukudityaniswa kobulaw' asindlwan' iyanetha.

5 Selethwel' ufel' emagxen' egoduka,


6 Ehamba' ezimfikila yimbek' ebekuyo.
7 Selekubon' ukuphumelela kobo buhlobo,
8 Ekufikeni kwakhe' ekhaya komemelelwa.

9 Wayi wayi wayi ngabantu bekhaya,


10 Kunge kumhla kwathiwa kwahluzwa,
11 Wonke k' umntu amamele ngeendlebe namehlo,
12 Kude kuphele yonk' int' ebithethwa.

3.1 Xela isithethi kwesi sicatshulwa sombongo. Xhasa impendulo yakho. (2)

3.2 Caphula kwistanza soku-1, umqolo onika intsingiselo yokuba akukho lula
ukucelwa kwentombi. (2)

3.3 Chaza umsebenzi wesifaniso esikumqolo we-10. (2)

3.4 Chonga uphindaphindo kwisitanza sesi-3 uze unike ifuthe lalo. (2)

3.5 Ngqina ukuba esi sicatshulwa sombongo sithathwe kumbongonkcazo. (2)


[10]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 10 DBE/Novemba 2022
NSC

UMBUZO 4: UMBUZO OMFUTSHANE

Funda umbongo olandelayo, wandule ukuphendula imibuzo.

INTLIZIYO YAM – C Nqakula

1 Intliziyo yam indityhilela izinto ezininzi;


2 Iyandityhola yakuthanda, indisindise kananjalo.
3 Hayi madoda! Unzima lo mthwalo!
4 Umkhonto ololwe walubengu, awubinzi
5 Udale amanxeba afana nawale ntliziyo,
6 Mhla izanyazanyiswe yadutywa zizilingo,
7 Eziza ngongcwalazi, ezinzulwini zobusuku nangesifingo-
8 Okanye ndityholwa ngezinto endingazaziyo.

9 Intliziyo yam lusindiso lwam;


10 Intliziyo yam kukutshabalala kwam;
11 Indikhaphela ezindleleni zobulungisa;
12 Kanti nakwezingendawo iyandisa.

13 Mandiyithini ke le ntliziyo,
14 Xa imkhonza ngolu hlobo umniniyo?

4.1 Xela isithethi kulo mbongo. Xhasa impendulo yakho. (2)

4.2 Caphula kwisitanza soku-1 imiqolo enika intsingiselo yokuba intliziyo


inobungozi obudlula nobezixhobo ezinobungozi. (2)

4.3 Chaza ukuba kunamsebenzi mni ukuwakhankanya ngamanye amaxesha


kumqolo wesi-7. (2)

4.4 Chonga uphindaphindo kwisitanza sesi-2 uze unike ifuthe lalo. (2)

4.5 Ngqina ukuba lo mbongo uyisonethi. (2)


[10]

KUNYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 11 DBE/Novemba 2022
NSC

UMBONGO ONGAFUNDISWANGA (UNYANZELEKILE UKUBA UPHENDULWE)

UMBUZO 5: UMBUZO OMFUTSHANE

Funda lo mbongo ulandelayo, wandule ukuphendula imibuzo elandelayo.

INYANISO – PN Mtintsilana

1 Ngumathunga kwabanyembezi;
2 Ngumakhi wesizwe.
3 Ogcin' izizwe zibambene,
4 Ogcin' izihlobo zibukana.
5 Onayo unomkhokha.

6 Ngumkhumezelo phezu kohlaza.


7 Ngamathontsi phezu kotyani.
8 Onayo makayinxibe nenceba;
9 Onayo makasiph' ubuncwane;
10 Siphuphum' isizwe luthando.

11 Inkohlamntu nenkohla
12 Onayo ukwanomzondo
13 Kwinkundla zokuzathuza
14 Iqashiso liwa mva kuye,
15 Kuba kaloku ngudiz' amahlebo.

16 Inkohlamntu nenkohla
17 Onguye Uyamphakamisa;
18 Kubabandezeli Uyamxhasa;
19 Avelele njengentab' eZiyoni;
20 Kub' uyidayiman' eluthulini.

5.1 Xela ibeMIBINI imisebenzi yenyaniso ngokomqolo woku-1 nowesi-2. (2)

5.2 Nika udidi lomfanekiso ngqondweni olukumqolo we-6. Xhasa impendulo


yakho. (2)

5.3 Caphula umqolo othetha into enye nentetha ethi, 'Sisimanga!' kwisitanza
sesi-3 nesesi-4. (2)

5.4 Chaza ibeMIBINI imivuzo yokuba ngumntu onenyani ngokwesitanza sesi-4. (2)

5.5 Xhasa uluvo lokuba imbongi nabanye abantu abaliboni ngasonye ixabiso
lenyaniso. (2)
[10]

AMANQAKU ECANDELO A: 30

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 12 DBE/Novemba 2022
NSC

ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI

IMIYALELO

 Kweli candelo kubuzwe iiNoveli ezimbini noNcwadi Lwemveli.


 Khetha umbuzo kwiNoveli oyifundisiweyo/ukhethe umbuzo kuNcwadi Lwemveli.
 KwiNoveli ngaNYE nakuNcwadi Lwemveli kubuzwe imibuzo emiBINI,
OSISINCOKO SONCWADI NOMBUZO OMFUTSHANE, ukususela kumbuzo 6
ukuya kumbuzo 13.
 Khetha umbuzo ube mNYE uwuphendule.

QAPHELA: Xa ukhetha umbuzo OSISINCOKO SONCWADI kwiCandelo B


(kwiNoveli okanye kuNcwadi Lwemveli) KUNYANZELEKILE ukuba
ukhethe umbuzo OMFUTSHANE kwiCandelo C (kwidrama).
Xa ukhethe umbuzo OMFUTSHANE kwiCandelo B (kwinoveli okanye
kuNcwadi Lwemveli) KUNYANZELEKILE ukuba ukhethe umbuzo
OSISINCOKO SONCWADI kwiCandelo C (kwidrama).

INOVELI

Phendula UMBUZO 6 (UMBUZO OSISINCOKO) OKANYE UMBUZO 7 (UMBUZO


OMFUTSHANE).

UMBUZO 6: UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI

INKAWU IDLIW' ILILA – S Kula

Ngqina ukuba indawo yaseGcuwa eliqhubeka kuyo ibali, ikhwezele isimo sokuba
sisaphulimthetho kuThantaswa.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabubengamagama angama-340–390. [25]

UMBUZO 7: UMBUZO OMFUTSHANE

INKAWU IDLIW'ILILA – S Kula

Funda ezi zicatshulwa zoncwadi zilandelayo, wandule ukuphendula imibuzo


elandelayo.

ISICATSHULWA A

Lwalukhona lonke usapho lwakwaYangaphi kuloo mcimbi. Wayekhona naye


uNomathamsanqa owagoduka engawuvali umlomo lithamsanqa letshomi yakhe.
Kwadlula iiveki ezimbini phambi kokuba uMsindisi athumele abantu bakowabo
eDutywa kwaNtlontlo. UThantaswa wayokubikela umama wakhe naye ngezo
ndwendwe. 5

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 13 DBE/Novemba 2022
NSC

'Kukho iindwendwe eziza kufika apha ekhaya mama,' watsho uThantaswa encumile.
Wayegudle umama wakhe egxalabeni, begilana bepheka kunye belungiselela isidlo
sangokuhlwa. Weva etshiswa ngumchamo kancinci uNonkanyiso akuthetha ngolu
hlobo uThantaswa. Uphume ekhawulezile ukuya kuchopha emva kwendlu ephethwe
luvalo lovuyo. Wayeyazi intombi yakhe ukuba ikhe inyamalale ekhaya nokuba ziintsuku 10
ezintathu, ibuye eluhambeni lwayo ixakathe izimuncumuncu zakwamLungu. Ingaba ke
ngoku kulunge indlela yayo? Wazibuza loo mbuzo esiya ngasendlwini. Umthe tshawu
nje kancinci uThantaswa esancumile, wayemazi ukuba ungumntu onombilini kakade
umthetho wakhe.
'Bendisatsho ke mama ukuthi kukho iindwendwe eziza kufika apha ekhaya 15
ngoMgqibelo.'
'Zezaphi ke mntwanam?'
'Zezangaph'eNtabezulu kuCentane, mama.'
'Zezakulo mfana uthi ngusomashishini?'
'Ewe, zezakowabo Kwayi.' 20
'Umntwana lo wakho yena uthini lo mfana ngaye?' wabuza ebuxakeka uNonkanyiso.
'Ndamxokisa uMsindisi ndathi uSandisiwe ngumntwana kadade wethu,' watsho
uThantaswa ekhumbula mhla wahlangana noMsindisi engalindele.
Kaloku ngaloo mini wadibana noMsindisi edolophini yaseGcuwa ehamba noSandisiwe.
Akayazi naye into eyabangela ukuba axoke. 25

7.1 Khankanya iimpazamo zibeMBINI zikaThantaswa ezimkhokelele


kulwaphulomthetho. (2)

7.2 Xela izenzo zikaNonkanyiso zibeZIBINI ezimtyhila njengomzali olahlekisayo


kule noveli. (2)

7.3 Tyhila intsingiselo yesihlonipho esikrwelelwe umgca ngaphantsi ngokomxholo


wesi sicatshulwa. (2)

7.4 Xela abemaTHATHU amashwa aziphathele wona uMsindisi ngokutshata


uThantaswa. (3)

7.5 Phawula ngegalelo lethaveni kaMbuzeli kulwaphulomthetho kule noveli. (2)

7.6 Chaza indlela abantwana ekuthethwa ngabo ebalini abayidale ngayo


impixano kule noveli. (2)

KUNYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 14 DBE/Novemba 2022
NSC

ISICATSHULWA B

Wangenwa yingqumbokazi enkulu uThantaswa owayesel'eshiywe yedwa


nanguNozizwe, nothe akubona ukuba iliwa libhek'umoya ngakumqeshi wakhe,
wayibopha yancinci eyakhe, wagoduka. Wayenayo nendawana yokumkelwa
ziingqondo uThantaswa ngezo ntsuku. Wayemana ukuviwa ehamba ethetha yedwa,
ehesha umoya okwegeza eliqala ukuphambana. Umsindo neengcwangu awayenazo 5
zazingenganganto! Wayesuke walixelegwana apha elithile. Umntu ombuza ngale nto
ivelayo wayekhwela kuye ngezithuko, etyhola naloo mthetho na kakade
ngokwenzelelela ngabula yena.
'Kungcono ndife kunokuba ndihlale intlalo yobugeza. Igazi likaMsindisi liyandizotha,
ulonwabo kum lusemafini. Kungcono ndiyokuphumla kunokuba ndiyokubhantinta 10
ubomi bam bonke. Ndiyawuqalekisa ngoku umthetho karhulumente kuba ngumthetho
kasathana, nokheth' iphela emasini.'
Wayenamaxesha okucinga ngolu hlobo uThantaswa owayekwahlutshwa ziingxaki
zokukhulelwa kuba iintsuku kuye zazihambile. Wayebalekwe nangabahlobo bakhe
abafana noNompumelelo owayesemtyhola ebantwini ngokuthi haka kwengqondo 15
yayokusela kanti ayizokuphinda ibuyele endaweni yayo.
Ngabusukwana buthile wathi uThantaswa emva kokuba ebhalele umama wakhe
ngonomyayi umyalezo othi, 'ayisekho into endiyiphilelayo emhlabeni,' wayokungena
kwigumbi lemoto yakhe. Wayesel' eyiphosele emqadini intambo awayeza kuzixhoma
ngayo ukuphazanyiswa kwakhe ngumdunyana wemoto otsholo phantsi. 20
Uthe akukroba emnyango, tyhini, ikhona nyhani le moto ima phambi kwesango eli
lomzi wakhe. Ilitha lezibane zayo zawutsho umzi wakhe wamhlophe wonke.

7.7 Thelekisa uvakalelo lukaThantaswa kwesi sicatshulwa nolwamhla wayecelwa


umtshato nguMsindisi. (2)

7.8 Tyhila isigqebelo kumazwi abhalwe ngqindilili. (2)

7.9 Khankanya iziganeko zibeZIBINI zolwaphulomthetho oluqhubeka kule noveli. (2)

7.10 Xela ukuba ubusuku bungumqondiso wantoni kwesi sicatshulwa. Xhasa


impendulo yakho. (2)

7.11 Ngqina ukuba ukuzibulala akusosisombululo. Xhasa impendulo yakho


ngomlinganiswa onguThantaswa. (2)

7.12 Cacisa ifuthe lomxholwana wobuhlobo obungebubo obukule noveli. (2)


[25]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 15 DBE/Novemba 2022
NSC

UMBUZO 8: UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI

NYANA WAM! NYANA WAM! – WK Tamsanqa

Ngqina ukuba iindawo eliqhubeka kuzo ibali lale noveli zikhwezele ubuqhawe kuThole.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama angama-340–390. [25]

UMBUZO 9: UMBUZO OMFUTSHANE

NYANA WAM! NYAMA WAM! – WK Tamsanqa

Funda ezi zicatshulwa zoncwadi zilandelayo, wandule ukuphendula imibuzo


elandelayo.

ISICATSHULWA C

Uthe esazula njalo apho phambi komnyango engazazi ukuba wenzani na weva
ngomgcini mnyango emkrweca emxelela ukuba kuvuliwe angangena, wothuka wanga
ngumntu ovuka ebuthongweni ebephupha, wangena. Ukungena kwakhe kwakumiwe
ngenyawo kuvunywa iculo elitshayelela intshumayelo. Bathe bakuhlala phantsi abantu
wayiqalisa intshumayelo yakhe umshumayeli yonyana wolahleko, elichaza ibali laloo 5
mfana elisusa mhla washiya ikhaya abazali bekhathazekile esiya kwantliziyo ndise
eliphetha ngokubuya kwakhe esamkelwa nguyise elila.
Ukuba umntu kaThixo wayesazi ukuba intshumayelo yakhe imenzakalisa kanjani na
omnye wabaphula-phuli ababekho kuloo cawa ngaloo mini, ndifuna ukuthi
ngewayengazanga ashumayele ngohlobo awashumayela ngalo ngaloo mini, wayeya 10
kusuka abe nosizi.
Uthe engekalwenzi ufefe umshumayeli wabiza indodana ukuba izokungqina.
Kwangoko kwaphakama gagwana lithile lomfana ngengonyana ethi,
Goduka ubhek' ekhaya.
Thengisa ngemfuyo yakho. 15
Amazwi ke lawo athi amhlaba uThole anga abhekiswa kuye. Waphuma ecaweni
ngaloo mini enzakele, efikelele kwisigqibo sokuba athengise ngayo yonke imfuyo
yakhe kwelo lamarhanuga agoduke, esazimisele ukuya esikolweni kumnyaka
olandelayo. Okunene wenza njalo. Wemka bengasathandi abantu belo lizwe kuba
babemthanda ngenxa yamayeza akhe, kanti ke ngaphezulu wayengumntu olincoko, 20
ehlekisa, esitsho siphele isithukuthezi akufika ebantwini, kodwa ke babeza kuthini?
Ikhaya likhaya.

9.1 Khankanya iimpazamo zibeMBINI zikaThole ezimfake engxakini kuba


engakwazi ukuzithathela izigqibo. (2)

9.2 Xela zibeZIBINI izenzo zikaThemba noSonwabo ezibatyhila njengabahlobo


abalahlekisayo kule noveli. (2)

9.3 Tyhila intsingiselo yegama elikrwelelwe umgca ngaphantsi ngokomxholo wesi


sicatshulwa. (2)

9.4 Xela abemaTHATHU amathamsanqa awafumeneyo uThole ngokwale noveli. (3)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 16 DBE/Novemba 2022
NSC

9.5 Phawula ngegalelo lecawa kuThole ekuzithatheleni isigqibo sokulandela


ikhondo lokuba ngumfundisi. (2)

9.6 Chaza indlela abashumayeli abayidala ngayo impixano yangaphakathi


kuThole. (2)

KUNYE

ISICATSHULWA D

'Zanenkanyamba, mfo wam, khawuze. Nantsi intang' akho.' Lakhwaza latsho ixhego
libiza uMangaliso owaye ekwelinye igumbi kwalapho endlwini, weza ekhawulezile
uMangaliso.
'Nantsi intang' akho uVuma lowa saphupha iphupha elinye ngabusuku bunye kweziya
ntsuku walahleka,' ladanduluka latsho ixhego ekubeni engene uMangaliso. 5
'Nguye lo?' Wadanduluka watsho uMangaliso emtsibela emxhawula.
'NdinguKhohlela kaNgubombi mna mfo wam khona phaya kuHolela emaKwayini,'
latsho ixhego lizazisa.
'NguTholelegqwirha lo?' Wabuza watsho uVuma esibambile njalo isandla.
'Ndim lo ntang'am. Uyazi ndiyakubona uzinikela enkonzweni andikwazi. Ndijonge nje 10
kwamntu,' watsho uMangaliso esasibambile isandla. Yaba lolunye uvuyo ke olo umntu
edibana nentanga yakhe abagqibelana bengabantwana. Kwaba mnandi kuncokolwa,
uVuma ebalisa ngokuphupha kwakhe elo phupha lakudala ngobusuku ekwakuza kusa
ezinikela enkonzweni, engazi ukuba uzinikela kuTholelegqwirha.
'Hayi mfo wam, lithe kanti eli phupha lethu lithetha lukhulu. Lithetha ukuphila 15
ngokwasemphefumlweni hayi ngokwenyama. Umfo wam ligqirha lemiphefumlo,' latsho
ixhego ukuyiqukumbela incoko.
Emva koko wayiqhela iGeorge Goch uVuma. Sekulapho abutha khona xa angekho
msebenzini. Kwiindaba zabo ezazisematheni zezokuba kuyimfuneko ukuba
kugodukwe kuyovakaliswa iindaba ezilungileyo kumaGcaleka. 20
Ekubeni uKhohlela edibene nonyana wakhe abazanga babuye bohlukane. Kwakuzo
ezo ntsuku zokudibana kwabo wamphosa emotweni uMangaliso esiya kumcela.

9.7 Thelekisa imbono kaTat'uMkwayi ngokugoduka kwesi sicatshulwa


neyaphambi kokuba azi ukuba unyana wakhe uyaphila. (2)

9.8 Tyhila isigqebelo esisekubeni uThole abe ligqirha lomphefumlo. (2)

9.9 Khankanya zibeZIBINI iziganeko ezatyhalela uThole ukuba athathe izigqibo


zokulandela ikhondo awayelikhethile. (2)

9.10 Xela ukuba iphupha lingumqondiso wantoni kwesi sicatshulwa. Xhasa


impendulo yakho. (2)

9.11 Ngqina ukuba ukungabikho kukaThemba noSonwabo kubomi bukaThole


kube sisisombululo kwimpumelelo kaThole kule noveli. (2)

9.12 Cacisa ifuthe lomxholwana wobuhlobo obungebubo obukule noveli. (2)


[25]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 17 DBE/Novemba 2022
NSC

UMBUZO 10: UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI

UKHOZI OLUMAPHIKO – N Saule

Ngqina ukuba iindawo eliqhubeka kuzo ibali lale noveli zikhwezele ubuqhawe
kuMfazwe.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama angama-340–390. [25]

UMBUZO 11: UMBUZO OMFUTSHANE

UKHOZI OLUMAPHIKO – N Saule

Funda ezi zicatshulwa zoncwadi zilandelayo, wandule ukuphendula imibuzo


elandelayo.

ISICATSHULWA E

'Sonke sibuzana loo mbuzo, kude kube ngoku, akakho osele ewuphendule. Into esuke
yaxaka yeyokuba ngeli xesha abantu bazama ukucima umlilo amapolisa akho,
anqanda abantu ukuba bangacimi.
Ukuba bebevunyelwe bacima ngeyikho noko into engeyisindile. Ndithi mna aba bafo
basuka bajolisa imipu emlilweni endaweni yokuba bancedise kucinywe.' 5
Ndacela ukutya akuyigqiba inkcazelo yakhe uGaba. Ngethamsanqa kwakukho
isonkana esasikho, ndasiphuqa ndagalela amasi, ndatya. Ngeli xesha ndixhasayo,
ixhego lindijongile alithethi. Ndithe apho ndigqibe khona labuza.
'Uza kuthini ke ngoku?'
'Andazi.' Eneneni ndandingazi. Ndaphakama emva kokubulela, ndaqhobosha indawo 10
ejingayo ebhrukweni, ndaya kuphuma ngomnyango. Ingqondo iqale ukusebenza
ndakuba phandle. Kutshiswa umzi wasekhaya kuba kusithiwa ndiyimpimpi? Ngubani
othetha loo nto? Ebeyive ngabani? Le mibuzo ayizange ibe namphenduli ndahlaba
ngendlela, ndenyusa isixeko.
Ngeli xesha, amathunzi ayesethe waxa, phaya phezu kweentaba, ilanga livele 15
ngenkqayi, nomlo wasemini sowudambile, kuvakala kuphela izixholoxholo kwiindawo
ezithile zesixeko. Ingqondo yam ithe mandiye kuloNokuzola, mhlawumbi
ndingafumana umkhondo kuye. Kuphinde kwathi qatha, ndingazange ndingene
ngaphakathi kuloZo nje yinto endiza kuyithini le? Unina owayesekuphela komntu
okhoyo kowabo, yayilixhegwazana elalisitsha okwamalahle, lingafuni namnye 20
umrhangqolo osondelayo kumasango alo.

11.1 Khankanya zibeMBINI iimpazamo zikaMfazwe ezikhokelele ekubeni


ahlangane naye emdala umntwana wakhe. (2)

11.2 Xela zibeZiBINI izenzo zikaTat' uGaba ezimtyhila njengomzali onenkathalo


kule noveli. (2)

11.3 Tyhila intsingiselo yesifaniso esikrwelelwe umgca ngaphantsi ngokomxholo


wesi sicatshulwa. (2)

11.4 Xela abemaTHATHU amathamsanqa afunyenwe nguMfazwe ngokumamela


iingcebiso zoMzingeli. (3)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 18 DBE/Novemba 2022
NSC

11.5 Phawula ngegalelo lamapolisa ekusindeni kukaMfazwe ekubanjweni


ngexesha abhacayo kule noveli. (2)

11.6 Chaza indlela uFriday ayidale ngayo impixano kule noveli. (2)

KUNYE

ISICATSHULWA F

'Siqhwala, Siqhwala! Khawuleza uze kubona!' Ndarhuqa umlenze ukuphuma,


ndicaphukela eli gama likaSiqhwala. 'Snywala, Snywala.' Siphiwo wayephi? Naanko
esiya kutshona kweliya gquba lingasesangweni. Ndalandela ndimangalisiwe yile
mivuyo ingaka. Ndandicinga ukuba ndiyelama.
YayingabeLungu abathathu! Babehamba noNyama. 'Kanti uNyama enyamalele ezi 5
ntsuku zimbini nje uyokusibuthela abeLungu? Lutshaba lwethu olu?' Ndanga
ndingawaginya loo mazwi xa ndibona le mpi emva kweentsukwana ezingephi ifikile,
isebenza ngamandla ukudlula naba bethu ukuqinisa umkhosi wethu.
Yayingamachule ezigcayiseli, nto leyo eyenza kube lula ukulalela utshaba. Kwekhu
madoda! Yandicacela kwakhona into yokuba asinguye wonke umntu omhlophe 10
waseMzafrika olithole likasathana. Abafo aba yayingamachule enene ngezandla
nangengqondo. Kwakufundiswana ngomhlophe nomnyama kuseliswana
ngandebenye. Zaziyitsho futhi ezi nkewu into yokuba baninzi kubo abangawuthandiyo
umthetho wocalucalulo, kodwa boyika intlamba yoowabo. Ayemaninzi amabali
ayebaliswa, uninzi lwawo engokuqubisana nomthetho welizwe esasilinikele umva 15
ngelithi mhla zibuyayo kophalala igazi. Neengoma zethu zazisitsho. Bekusithi xa
kuhleliwe kubaliselwana, ndibizwe kusithiwa mandibalise indawo ethile kumabali am.
Akukho nto ibicubhula impi njengofele lomzingeli.
'Bubugqi obuya bukoluya fele maqabane ndiyanixelela.' Nditsho ndiqonda ukuba
akukho namnye oyikholelwayo loo nto. Zazivela kwalapha nezibhoxi. 20
'Aqale nini ukuba bubugqi amafutha enkuku, qabane?'

11.7 Thelekisa uvakalelo lukaMfazwe kwesi sicatshulwa nolwamhla wayetshiselwa


ikhaya. (2)

11.8 Tyhila isigqebelo esikwisenzo sikaMfazwe sokutshikilela uNokuzola


ngokungafundi iileta ezivela kuye. (2)

11.9 Khankanya zibeZIBINI iziganeko ezehlele uMfazwe kwaQaka kule noveli. (2)

11.10 Xela ukuba izigcayiseli zingumqondiso wantoni kwesi sicatshulwa. Xhasa


impendulo yakho. (2)

11.11 Ngqina ngomlinganiswa onguFriday ukuba ubumpimpi abuyisombululi


ingcinezelo esiphantsi kwayo isizwe. (2)

11.12 Cacisa ifuthe lomxholwana wobuqabane obungebubo obukule noveli. (2)


[25]

OKANYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 19 DBE/Novemba 2022
NSC

UNCWADI LWEMVELI

UMBUZO 12: UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI

UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI – MMI Swana nabanye

Ngqina ukuba indawo eqhubeka kuyo intsomi ethi 'Intsomi Yeenyamakazana', kunye
noMzantsi Afrika kwisibongo esithi, 'Enkosi Steve Biko' zikhwezele ubuqhawe
kuFudwazana nakuSteve Biko.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama angama-340–390. [25]

UMBUZO 13: UMBUZO OMFUTSHANE

UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI – MMI Swana nabanye

Funda ezi zicatshulwa zoncwadi zilandelayo, wandule ukuphendula imibuzo


elandelayo.

ISICATSHULWA G

INTSOMI KAKHETSHE NESIKHUKUKAZI

Kwathi ke kaloku ngantsomi, kudala-dala iintaka zaye zithandana zisendiselana


njengabantu. Ngelo xesha ukhetshe ufike watshata nesikhukukazi, bahlalisana
kakuhle, bathandana oku kusisimanga bada bafumana nabantwana. Kwalile ngenye
imini, ukhetshe wemka esiya kuphandela usapho into etyiwayo eshiya isitshixo sendlu
nomfazi. Ekuhambeni kwendoda isikhukukazi sicinge ngokuya kutyelela isihlobo saso 5
ebesihlala mgama. Kule ngcingane yembutho sihambe nabantwana baso ukuze nabo
bafumane ithuba lokuya kubona ilizwe. Sincokole, sancokola, sancokola nesihlobo
eso saso kwahamba ixesha, kwabonakala ukuba lifikile ixesha lokuba usapho
lugoduke. Lufike ekhaya umninimzi engekabuyi, abantwana beyimfe ukudinwa,
belambile, wada omcinane woyiswa kukunyamezela, wazibika kunina. Isikhukukazi 10
sibe ngasikhangela isitshixo sokuvula indlu ukuze abantwana batye, tu ukuvela
isitshixo. Sibhuqe, sabhuqa, sabhuqa sada sancama. Kusenjalo kwenzeka elona sikizi
kuba umntwana wasuka waqhawuka, itshoba lalala umbethe ngenxa yendlala. Uthe
umntwana esandul' ukufa wagaleleka ukhetshe, akuyibona le ntlekele wavutha
ngumsindo engxolisa umfazi wathetha wenjenje. 15
'Ukususela namhlanje thina sobabini sahlukene. Kunjalonje kuya kuba njalo
nakwinzala yethu. Ookhetshe baya kubatya abantwana beenkukhu kude kuvele esi
sitshixo silahlekileyo.' Uthe ukuba ukhetshe atsho wabutha konke okwakhe wemka.
Okwenene kwenzeka ngokuthetha kwakhe kuba nanamhla oku ookhetshe basawatya
amantshontsho eenkukhu. Isikhukukazi sona asikancami kuba sisaphikelele 20
ukuphanda, siqhwaya emhlabeni nje, sisakhangela esaa sitshixo sikakhetshe ukuze
sixolelane naye, kubekho ibuyambo ukuze abantwana babo bangabi saxhwilwa.
Phela-phela ngantsomi.

13.1 Khankanya iimpazamo zibeMBINI zesikhukukazi ezikhokelele ekubhubheni


komntwana. (2)

13.2 Xela izenzo zikakhetshe zibeZIBINI ezimtyhila njengomyeni okhohlakeleyo


kule ntsomi. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 20 DBE/Novemba 2022
NSC

13.3 Xela zibeziTHATHU izohlwayo ezafunyanwa sisikhukukazi ngenxa yembutho. (3)

13.4 Phawula ngegalelo lophindaphindo lwamagama abhalwe ngqindilili kule


ntsomi. (2)

13.5 Ngqina ngomlinganiswa ongukhetshe ukuba ukwenza izinto usemsindweni


akusosisombululo sengxaki okuyo. (2)

13.6 Chaza indlela ukufa komntwana yindlala okudale ngayo ubutshaba phakathi
kukakhetshe nesikhukukazi kule ntsomi. (2)

13.7 Ngqina ukuba le ntsomi ikudidi lweentsomi ezingemvelaphi yeempawu


nezimbo zezilwanyana neentaka. (2)

KUNYE

ISICATSHULWA H

Intaba kaNdoda – Intaba yodumo YamaRharhabe

……………
1 Ngemihla yantlandlolo, nditsho mandulo,
2 Kwez' uRharhabe nehlokondiba labalandeli.
3 Bafika babek'ubilo kuyo le ntaba,
4 Bevela kwaPhalo, phesheya komlambo.
5 Babeqhephuke kuGcaleka baziph'amathafa,
6 Kuba ezi nkunzi zazingooxholovane zombini.
7 Nangona zaziphuma kuPhalo yena ncakasana,
8 Zingathandi kukhonya buhlantini bunye,
9 Wathi, 'Madoda, kudala sixhinkxa, kwanele.
10 Eli likhaya lethu ukususela namhla.'

11 Ayembazel' iindlebe amaXhos' akowabo.


12 Ephambi kwawo waphinda wathetha kwakhona,
13 'Masakhe imizi apha, silime nokulima,
14 Kule mimandla erhangqe le Ntaba kaNdoda.'
……………

13.8 Xela isizathu sokuba uRharhabe nabalandeli bakhe baqephuke kuGcaleka


ngokombongo. (2)

13.9 Tyhila intsingiselo yesaci esikumqolo wesi-3 ngokomxholo wesi sicatshulwa. (2)

13.10 Caphula isikweko esikumqolo wesi-6 uxele ukuba sityhila ntoni. (2)

13.11 Chonga umqolo kwisitanza soku-1 othetha ukuba uRharhabe nabalandeli


bakhe babediniwe. (2)

13.12 Nika imfundiso efumaneka kubunkokeli bukaRharhabe kwesi sicatshulwa


sesibongo. (2)
[25]

AMANQAKU ECANDELO B: 25

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 21 DBE/Novemba 2022
NSC

ICANDELO C: IDRAMA

IMIYALELO

 Kweli candelo kubuzwe imibuzo kwiiDrama ezimbini, ukusukela kumbuzo 14 ukuya


kumbuzo 17.
 KwiDrama ngaNYE kubuzwe imibuzo EMIBINI; OSISINCOKO SONCWADI kunye
NOMBUZO OMFUTSHANE.
 Khetha umbuzo ube mNYE uwuphendule.

QAPHELA: Xa ukhethe umbuzo OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO B


(kwiNoveli/kuNcwadi Lwemveli) KUNYANZELEKILE ukuba ukhethe
umbuzo OMFUTSHANE kwiCANDELO C (kwiDrama).
Xa ukhethe umbuzo OMFUTSHANE kwiCANDELO B (kwiNoveli/
kuNcwadi Lwemveli) KUNYANZELEKILE ukuba ukhethe umbuzo
OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO C (kwiDrama).

UMBUZO 14: UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI

BUZANI KUBAWO – WK Tamsanqa

Izenzo zabalinganiswa zinemfundiso kule drama. Ngqina oku ngaba balinganiswa


balandelayo uZwilakhe noGugulethu.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama angama-340–390. [25]

UMBUZO 15: UMBUZO OMFUTSHANE

BUZANI KUBAWO – WK Tamsanqa

Funda ezi zicatshulwa zoncwadi zilandelayo, wandule ukuphendula imibuzo


elandelayo.

ISICATSHULWA I

UZWILAKHE: Uyolelwe bobu bomi ukubo bobusoka?


UGUGULETHU: Andiyolelwanga.
UZWILAKHE: Into ekunayo?
UGUGULETHU: Kaloku mna ndijonge kuni, akukho nto ndinokuyenza de ndive
ngani. 5
UZWILAKHE: Awu! Wenzani na mfondini? Umdala kangaka usajonge kuthi? Ndiba
sakufunza ngokwaneleyo nje ngesicakathi, usajonge ukufunzwa
sithi nangomfazi? Kucaca ukuba siya kukufunza ude uye kulala
engcwabeni mfo wam. Uthi siya kubakho?
UGUGULETHU: Asazi ke. 10
UZWILAKHE: Usibona singqengqile nje ke mfo wam silele ebusuku gqitha sithetha
ngendaba yakho. Noko thina ngokwethu ukubona besicinga into
yokuba ukwixabiso lokuba ube unesandla sokhohlo. Umdala ungaka
nje mfo wam. Akusayi kuphinde kuthiwe ungumntwana. Ngaphezu
koko ke nonyoko lo mdala, kuyafuneka ukuba abe naye umncedisi 15
ngekhaya eli, noNozipho ke ngulo sifuna ukuba aye emfundweni
kulo nyaka uza kuvulelwa. Asazi ke olwakho uluvo luphi na.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 22 DBE/Novemba 2022
NSC

UGUGULETHU: Hayi! Bawo xa kubone nina mna andingemi ngaphambili.


Bendisoloko ndijonge kuni kakade.
UZWILAKHE: Kulungile ke mfo wam, ngoMgqibelo ndifuna amaHlubi ahlangane 20
sibonisane ngomcimbi wakho. (Kungena umntwana ephethe
incwadi)
UMNTWANA: Nkqo! Nkqo! Nkqo!
UZWILAKHE: Ngaphakathi. Ewe ntombazana undiphatheleni?
UMNTWANA: Uthi usisi mandizise le leta apha kubhuti Gugulethu ivela eposini. 25
Uthe ze ndimcelele uxolo uyilibele izolo ukuvela kwakhe edolophini
ngenxa yokubuya sekuhlwile.

15.1 Khankanya zibe ziTHATHU izihlandlo ezikule drama ezisebenzise intetho ethi
'Buzani kuBawo'. (3)

15.2 Xela isenzo (a)sikaGugulethu (b)nesikaZwilakhe esingqina ukuyitolika


ngokwahlukileyo intetho ebhalwe ngqindilili. (2)

15.3 Xela indima kaMaGaba ukuchitha ubuhlobo bukaZwilakhe noGugulethu. (2)

15.4 Chonga izixhobo zibeZIBINI kwesi sicatshulwa ezikhokelela kuluvo lokuba eli
bali liqhubeka ngexesha lokhanyo. (2)

15.5 Khankanya zibeMBINI iingxaki ezidalwe ziincwadi uNomaMpondomise


azibhalele uGugulethu kule drama. (2)

15.6 Nika imfundiso efumaneka kwisenzo sikaGugulethu sokungaphuhli xa


aphalaza imbilini yakhe ngomfazi anqwenela ukumtshata. (2)

KUNYE

ISICATSHULWA J

UMTHETHO: Ke uthi uGugulethu makondle abantwana benye indoda?


UZWILAKHE: Ewe kuba ityala likuye, lo mntwana wasemzini akanalo nelincinane
ityala, nguGugulethu obalekileyo. Ukuba uGugulethu ebengabalekanga
waya kuhlala eMthatha, ngeyingekho yonke le nto.
UNYANISO: Mfo kabawo Mthetho mus' ukuzihlupha, yhini mfondini ngathi akuyazi 5
le ndoda, ayizi kujika kule nto noxa sekuhle izinto ezinje ngenxa yayo.
Qhuba mfo kabawo, oxhel'eyakhe akabuzwa. Kuqala besifudula sisithi
isala kutyelwa sibona ngolophu, ngoku sixakiwe ukuba siza kuthini
kuba nalo ulophu lubonakele. Ngoku ke sofana siqukumbele ngelithi,
inkomo enotshobo ayinqandwa. Kodwa ungafane uqine mfo kabawo 10
kule nto uyenzayo, mkhulu umhadi ozimbela wona.
UMTHETHO: Khawutsho ke mfo kabawo, lo mfazi uza kumthumela naba bantwana
eMthatha?
UZWILAKHE: Ewe.
UMTHETHO: Sii! Ngamanyal' enyoka odwa, ndifung'uBhungane. Qhuba mfokabawo 15
sova ngawe. Ndisatshaya.
UNYANISO: Hayi mna ndisemkile.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 23 DBE/Novemba 2022
NSC

UMTHETHO: Mus' ukuba sandishiya Rhadebe, nam andiyazi endisayihlaleleyo.


(Bayaphuma)
UNYANISO: Hi mfondini uthi lo mfo uphilile nje? Sisibindi sini esi singaka anaso, 20
ukuthi sekuhle izinto ezingaka kanti akanakho ukuyaleka?
UMTHETHO: Akanayo nento le uphile qete, nto nje wenza le nto kuthiwa kukuqina
enyaleni. Kaloku uZwilakhe wanconywa esiva kwathiwa uneenkani.
Akwazi ukuba umntu uyonakala kukunconywa esiva?
UNYANISO: Hayi mna noko le nto ndingxamele ukuyikrokrela ngathi ayiyodwa 25
inelumbu phakathi.

15.7 Xela izinto eziMBINI ezehlileyo ngokwale ntetho kaNyaniso enomgca


ngaphantsi. (2)

15.8 Nika isizathu sokuba uMthetho noNyaniso bangayixhasi into yokuthumela


uThobeka nabantwana eMthatha. (2)

15.9 Nika iimpawu zempixano yangaphandle eziphawuleka kule ncoko yamaHlubi. (2)

15.10 Chaza indlela ohluke ngayo uZwilakhe osekuqaleni nosekupheleni kwale


drama. (2)

15.11 Chaza ukuba le ngxoxo imtyhila njengomlinganiswa onesimo esinjani


uZwilakhe. Xhasa impendulo yakho. (2)

15.12 Ingaba le drama iphumelele ukulumkisa abantu abaseneenjongo


zokungazimeli ngokupheleleyo izimvo zabo? Xhasa impendulo yakho. (2)
[25]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 24 DBE/Novemba 2022
NSC

UMBUZO 16: UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI

INDLAL' INAMANYALA – M Lamati

Izenzo zabalinganiswa zinemfundiso kule drama. Ngqina oku ngaba balinganiswa


balandelayo uMaGatyeni noSiqhiwu.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama angama-340–390. [25]

UMBUZO 17: UMBUZO OMFUTSHANE

INDLAL'INAMANYALA – M Lamati

Funda ezi zicatshulwa zoncwadi zilandelayo, wandule ukuphendula imibuzo elandelayo.

ISICATSHULWA K

SIPHOKAZI: Uyaphazama ke ngoku Sirhezu wam. Uyaphazama Radebe.


SIRHEZU: Ndilungise kaloku xa ndiphazama. Ndicinga ukuba ngumsebenzi
wakho ukulungisa iimpazamo zam.
SIPHOKAZI: Uyazi Sirhezu ukuba isikhalo sam sinye kuwe, sesokuba ndim inkulu
aph' ekhaya. 5
SIRHEZU: Ndiyayazi ke leyo. Akukho mfuneko yokuba ude uyiphinda-phinde.
SIPHOKAZI: Uthi umama ke angandithatha kanjani xa ndinokuthi ndingekaphangeli
nonyaka lo, ndibe sendimxelela ukuba ndiyenda?
SIRHEZU: Kudala ke ndiwuphendula lo mbuzo wakho, ikhaya lentombi
lisekwendeni. 10
SIPHOKAZI: Ndiyayazi ke leyo. Akuqali kundixelela namhlanje.
SIRHEZU: Ngaphezulu ke, okokuqala, ndiza kulobola moss. Loo nto ke ithethe
ukuthi umama wakho uza kuba nento yokuzigcina ngeli thuba wena
ungekafumani msebenzi.
SIPHOKAZI: Kumnandi kona ukuthetha. Kodwa ke, njengoko laphawulayo ixhego 15
lempuku, ukuthetha asikokwenza.
SIRHEZU: Xa sele uwufumene umsebenzi, ndiya kukuvumela uphangelele
umama wakho de abhubhe.
SIPHOKAZI: Ukuba kunokwenzeka ibe nguye obhubha kuqala kunam. Ungayilibali
naloo ndawo. 20
SIRHEZU: Ewe, ndiyavuma, ukuba kunokwenzeka kubhubhe yena kuqala
kunawe.
SIPHOKAZI: Sirhezu, sithandwa, mayiqondakale kuwe into yokuba andizimisele
nakancinci ukuwuduba umphefumlo wakho.
SIRHEZU: Ndincede ke sithandwa ungawudubi. 25
SIPHOKAZI: Kodwa nawe khawuzithathe uzibeke kule ndawo ndikuyo. Ndiyinkulu
ekhaya. Okanye ke ndiya kuthi ndiyinkulukazi.
SIRHEZU: Alunge omabini loo magama.
SIPHOKAZI: Ndim kuphela osele egqibile ukufunda ekhaya, ukuba kuyagqitywa
phofu. 30
SIRHEZU: Ndiyayiqonda into oyithethayo Siphokazi.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 25 DBE/Novemba 2022
NSC

17.1 Khankanya zibe ziTHATHU izihlandlo ezikule drama ezidulise umxholo othi
indlal' inamanyala. (3)

17.2 Xela isenzo (a)sikaMagrazula (b) nesikaSiqhiwu esingqina ukutolika


ngokwahlukileyo ukusombululo indlala. (2)

17.3 Xela indima kaSiqhiwu ukugcina ubuhlobo bukaSiphokazi noSirhezu. (2)

17.4 Khankanya izinto zibeMBINI ezikhokelela kuluvo lokuba eli bali liqhubeka
ngexesha lokhanyo.
(2)
17.5 Khankanya zibeMBINI iingxaki azisombululeyo uSiqhiwu ngesenzo sakhe
sobuqhawe. (2)

17.6 Nika imfundiso efumaneka kwisenzo sikaMaqhikizane sokuxhaphaza abantu


abadinga umsebenzi. (2)

KUNYE

ISICATSHULWA L

MAGATYENI: Kanti ke, qaphela Qhinebe, ingantle kakhulu le nto yethu xa


sinokuyigquma ngezi bhatyi zomanyano.
MAMQHINEBE: Kodwa ingathi uhlab'ukhangele Gatyeni.
MAGATYENI: Siza kuzingela kweliphi icala ke namhlanje?
MAQHINEBE: Ulibele na ngoku? Ukho kaloku laa mfazi wakwaLink. 5
MAGATYENI: Unyanisile, besendifuna ukumlibala. Ibe luhle usana lwakhe.
MAMQHINEBE: Kukho into endixhalabisayo kodwa kulo msebenzi wethu Gatyeni.
Abantwana aba bethu baza kuthi simana sisiyaphi, siyifumana phi
khona le mali ingaka?
MAGATYENI: Mna sendinaso isisombululo kuleyo ingxaki. 10
MAMQHINEBE: Uthini na apha kum ngoku Gatyeni?
MAGATYENI: Siza kubaxelela ukuba sihamba eMzamba, apho siyiwina khona
yonke le mali.
MAMQHINEBE: Hayi ke kucacile ukuba lo msebenzi wethu usikelelekile xa icebo
lisuka nje lifumaneke lula ngolu hlobo. Hayi Gatyeni ndikothulela 15
umnqwazi.
MAGATYENI: Masitsho sisiya ke mfazi, kukude kwaLink, ibe ilanga eli lona
alilindanga thina.
MAMQHINEBE: (Behamba endleleni) Kukho nale nto yala maphepha angathi aza
kusimisa kakubi ndijongile nje. 20
MAGATYENI: Ewe unyanisile Qhinebe. Kaloku ngoku siza kufika abadlezane sele
belaqaza, belindele amanesi omgunyathi axelwe ngala maphepha.
MAMQHINEBE: Baya kukhe bancame ke, kuba kaloku nathi asizozibhanxa. Asizi
kuphinda sizenze amanesi ngoku.
MAGATYENI: Ibe siza kubachula maan. Lo siya kuye umntwana, siza kumthatha 25
empelesini. Unina yena uphangele kaloku.

17.7 Xela izinto eziMBINI ezehle ngenxa yefuthe lentetho kaMaGatyeni enomgca
ngaphantsi. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya (HL)/P2 26 DBE/Novemba 2022
NSC

17.8 Nika isizathu sokuba uMagrazula akhethe ukuqesha abantu abangoomama


kumsebenzi wokubiwa kweentsana. (2)

17.9 Nika iimpawu zempixano yangaphakathi ekuMamQhinebe eziphawuleka kule


ncoko ikwisicatshulwa. (2)

17.10 Chaza indlela ohluke ngayo uMamQhinebe wangala mini wayenombono


ehleli kwipomakazi lendlu eNorthcrest nosekupheleni kwale drama. (2)

17.11 Chaza ukuba le ngxoxo imtyhila njengomlinganiswa onesimo esinjani


uMamQhinebe. Xhasa impendulo yakho. (2)

17.12 Ingaba le drama iphumelele ukulumkisa abantu abaseneenjongo


zokulahlekisa abantu abahluphekayo? Xhasa impendulo yakho. (2)
[25]

AMANQAKU ECANDELO C: 25
AMANQAKU EWONKE: 80

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

You might also like