IsiXhosa FAL P2 Nov 2017

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 27

NATIONAL

SENIOR CERTIFICATE

IBANGA 12

ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO (FAL)

IPHEPHA LESIBINI (P2)

NOVEMBA 2017

AMANQAKU: 70

IXESHA: Iiyure 2

Olu viwo lunamaphepha angama-27.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 2 DBE/Novemba 2017
NSC

IMIYALELO NENGCACISO

1. Funda le miyalelo ngenyameko phambi kokuba uqalise ukuphendula imibuzo.

2. MUSA ukuzama ukufunda lonke iphepha lemibuzo. Yiya kwiphepha


lesiqulatho elilandelayo uze uphawule amanani emibuzo esetwe kwiincwadi
ozifundileyo kulo nyaka. Emva koko, funda le mibuzo uze ukhethe leyo ufuna
ukuyiphendula.

3. Eli phepha linamaCANDELO amaNE:

ICANDELO A: Inoveli (35)


ICANDELO B: Idrama (35)
ICANDELO C: Amabali amafutshane (35)
ICANDELO D: Isihobe (35)

4. Phendula IMIBUZO emiBINI iyonke: umbuzo NGAMNYE ukhethwa


NAKUWAPHI amacandelo amaBINI.

ICANDELO A: INOVELI
Phendula umbuzo kwinoveli oyifundileyo.

ICANDELO B: IDRAMA
Phendula umbuzo kwidrama oyifundileyo.

ICANDELO C: AMABALI AMAFUTSHANE


Phendula imibuzo esetwe kumabali amafutshane omaBINI.

ICANDELO D: IMIBONGO
Phendula imibuzo esetwe kwimibongo yomiBINI.

5. Sebenzisa itshekhlisti ukuzincedisa.

6. Landela imiyalelo esekuqaleni KWECANDELO NGALINYE ngononophelo.

7. Nombola iimpendulo zakho kanye ngokwendlela ekunonjolwe ngayo


kwiphepha lemibuzo.

8. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA.

9. Ingcebiso malunga nolwabiwo lwexesha: Sebenzisa imizuzu engama-60


KWICANDELO NGALINYE.

10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 3 DBE/Novemba 2017
NSC

IPHEPHA LESIQULATHO

Eli phepha liza kukunceda ukwazi ukukhetha imibuzo ofuna ukuyiphendula


ngaphandle kokufunda lonke iphepha.

ICANDELO A: INOVELI

Phendula umbuzo okwinoveli oyifundileyo.


INANI LOMBUZO AMANQAKU IPHEPHA
1. Kusa Kusihlwa 35 5

2. Umqol' Uphandle 35 8

3. UMonwabisi 35 11

ICANDELO B: IDRAMA

Phendula umbuzo okwidrama oyifundileyo.


4. Ndiyekeni 35 14

5. Inzala yamaRhamba 35 18

ICANDELO C: AMABALI AMAFUTSHANE

Phendula YOMIBINI imibuzo esetwe kumabali amafutshane.


6.1 'Umhlahlo ngamehlo' 18 21

6.2 'Kanti andizenzanga' 17 22

ICANDELO D: ISIHOBE

Phendula YOMIBINI imibuzo esetwe kwimibongo.


7.1 'Mfazindini wase-Afrika' 18 24

7.2 'Umnqayi' 17 26

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 4 DBE/Novemba 2017
NSC

ITSHEKHLISTI

ICANDELO AMANANI INANI PHAWULA


EMIBUZO LEMIBUZO (√)
EPHENDU-
LWAYO
A: Inoveli
1–3 1
(Kusa Kusihlwa)
(Umqol' Uphandle)
(UMonwabisi)
OKANYE
B: Idrama
4–5 1
(Ndiyekeni)
(Inzala yamaRhamba)
OKANYE
C: Amabali amafutshane
6.1 + 6.2 1
('Umhlahlo ngamehlo')
('Kanti andizenzanga')
OKANYE
D: Isihobe
7.1 + 7.2 1
('Mfazindini wase–Afrika')
('Umnqayi')

QAPHELA: Qinisekisa ukuba uphendule imibuzo kumaCandelo amaBINI kuphela.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 5 DBE/Novemba 2017
NSC

ICANDELO A: INOVELI

UMBUZO 1: KUSA KUSIHLWA – KS Bongela

1.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA A

'Hi, Nomakhwezi, uthi uphilile kakuhle? Le nto wasoloko undinqikela izinto


ezingenasihlahla nezingavakaliyo, uthi ndiza kwazi njani ukuba uyagula
nokuba akuguli?'
'O, undenza isidenge? Akulibali unesidenge somfazi osoloko umbhanxa?'
Le ngxoxo ngeba ibiza kuhambela phambili koko uLungile ugqibe kwelokuba 5
makathule efixeke enjalo kuba inkosikazi isuke yathethela phezulu nokulila
sekukufutshane. Eneneni wonqene ukuba kusuke kuvakale kwezinye izindlu
ukuba kukho ingxabano. Kaloku izindlu zelokishi zinjalo ukusondelelana.
Igqushe yodwa imazi, iphatha kumbombozela ithe fixi, amehlo ezingqanda.
Umyeni wayo yena usuke wazikhuphela amaphepha-ndaba wafunda, 10
wazitshayela akahoya. Ukusuka apho uye evenkileni wasebenza iincwadi
zakhe.
Uthe naxa emva kwethuba azama ukulanda ubunyani nentsusa yale ngxoxo
kwabonakala ukuba umfazi useligwele. Abafazi! Ukususela namhlanje
akukhange kuphinde kubekho xolo apha kuba uNomakhwezi usuke 15
wangenwa kukungamthembi uLungile. Oku kungamthembi kwenze ukuba
asoloko eneliso elibukhali nelingelihle kubathengi abathi bamncokolise
umyeni wakhe ingakumbi abasetyhini.
Baninzi abayiphawula into yokuba le nkosikazi inesifo samagxa
esigqibeleleyo kwaye ayinaliso lihle kwabanye abantu. Bayithetha 20
abaselokishini yada yaya kufika nakuNozililo. Wanyevula emacaleni ehleba
kwalo mhlobo wakhe esithi uzenza bhetele ngabantwana babantu kuba
esuke wazibona selenevenkile abayifumana ngamaqhinga. 'Kodwa unyaka
mnye ngulo …'

1.1.1 Xela indawo eliqhubeka kuyo ibali ngokwakwesi sicatshulwa. (1)

1.1.2 Libe yintoni igalelo likaNozililo kule ngxoxo? (2)

1.1.3 Nika injongo yokusetyenziswa kwengxoxo kwesi sicatshulwa. (2)

1.1.4 Ngqina ngeengongoma eziNTATHU ukufaneleka kwegama


athiywe lona uLungile kule noveli. (3)

1.1.5 Nika intsingiselo yegama elikrwelelwe umgca ngaphantsi


ngokwakwisicatshulwa. (2)

1.1.6 Cacisa ngeengongoma eziNTATHU ukuba isifo samagxa


sikaNomakhwezi silikhulise njani eli bali. (3)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 6 DBE/Novemba 2017
NSC

1.1.7 Loluphi udidi lwempixano olutyhilwa yile ntetho ingezantsi. Xhasa


impendulo yakho.

' … uzenza bhetele ngabantwana babantu kuba esuke wazibona


selenevenkile abayifumana ngamaqhinga. Kodwa unyaka mnye
ngulo …' (3)

1.1.8 Nika udidi lwale noveli. Xhasa impendulo yakho. (2)

KUNYE

1.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA B

'Ndithi kuwe akuziboni na iintombi zooSasayi ukuba zizishumane ezancama


ukwenda kuba kaloku zifundile akukho nto ziyaziyo ngaphandle kokusoloko
zibetha aba bantwana bethu kwesiya sikolo sidlakadlaka siya kuze siwele aba
bantwana ngenye imini. Ndinomntwana ke mna ongabhitya ade abe zintsasa
ngenxa yokomela esikolweni ngenxa yokuba kusithiwa yititshalakazi? Kaloku 5
zona azihambi migidi zitshile zibethe ingqongqo zize kubonwa ngabafana.
Mawo … o … o, ukuba akunanto iyenye uyizeleyo kulo mzi kaNgubengcuka,
nankuya umnyango mfan' am; uThembisa ufundile xa ekwazi ukundibhalela
ileta ebiza imali yoboya beegusha zam. Andinaxesha lakubhibhidla amazinyo
ndithetha enye into.' 10
'Khawume kaloku Khuboni, nam ndiphendule. Ndiyakuva bawo, kuyo yonke
le nto uyithethayo kwaye andikuphikisi. Qha, linye endilicelayo kuwe,
Khuboni, lelokuba undiboleke lo mntwana abe ngowam, ndimfundise ukuze
ukhangele ukuba yozala nkomoni na.' Iwaphethe njalo yona le titshala ayabi
saya kwezinye iindawo. 15
'Uthi kutheni na, ndikunike umntwana wam? Uthi uyayiva nje le nto
uyithethayo mfanandini? …'
'Hayi kaloku SekaThembisa, mphulaphule utitshala, umnike ithuba.
Akatsho ukuba fundisa umntwana, koko uthi mnike aze kuzifundisela. Wothi
ke ukuba uthe umntwana waqhuba kakuhle, abuyekezwe ngumntwana lowo,' 20
unqandile uNowenti owayezitshayela inqawa yakhe ende phaya ngaseziko
elixa amadoda axhwithanayo.

1.2.1 Ubaluleke ngantoni lo mxholwana ukwesi sicatshulwa kule noveli? (2)

1.2.2 Tyhila isigqebelo esivezwa yintetho kaGobidolo enomgca


ngaphantsi. (2)

1.2.3 Xela udidi lozobo azotywe ngalo utitshala uNgxowankulu kwesi


sicatshulwa. (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 7 DBE/Novemba 2017
NSC

1.2.4 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zingezantsi.

Kule noveli uNowenti ungumlinganiswa …

A oyintloko.
B ongumchasi.
C onguvalithuba.
D olitshijolo. (1)

1.2.5 Khetha impendulo echanekileyo kwizibiyeli:

Intetho ebhalwe ngqindilili ngumzekelo (wolwimi oluqweqwedisayo/


wolwimi olucengayo). (1)

1.2.6 Tyhila umfanekiso-ntelekelelo okwigama elinomgca ngezantsi.

'… elixa amadoda axhwithanayo.' (2)

1.2.7 Bhala iziganeko ezingezantsi ngokulandelelana kwazo ebalini.

(a) Itheko lokuvuyisana noMpumelelo ngezifundo zobugqirha.

(b) Ukohlwaywa kukaMpumelelo esinaleni.

(c) Ukutsha kwemoto yabazali bakaMpumelelo.

(d) Iyelenqe lokutshiswa kwevenkile. (4)

1.2.8 Tyhila isimo sentlalo kweli khaya lakwaGobidolo. (2)

1.2.9 Phawula ngokufaneleka kwesihloko sale noveli. (2)


[35]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 8 DBE/Novemba 2017
NSC

UMBUZO 2: UMQOL' UPHANDLE – PM Ngani

2.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA C

Kude kwathetha uLinda, ebindekile: 'Ingaba ugqibile ukulawula iphupha


lakho?'
'Ukuba liphupha, lisaphelele ke, nkosazana. Kukuwe ngoku. Khanyela,
uyatyholwa!'
'Ukhohlakele, mcuphindini!' Ikhonkothe yatsho le nkazana, seyiphambene 5
ngoku ngumsindo: 'Ungcolile! Unengcinga ezimbi ngoEddie! Unengcinga
ezingcolileyo ngoLulama!! Unengcinga ezilizothe ngam!!! UEddie
wayengenanto yakwenza noLulama, ndisatsho nangoku. UEddie wayeza
kutshata mna, engenaxesha lamntu wumbi. Ndiza kukubonisa umsesane
wakhe wengeji ngoku.' 10
Uthe khwasu sel' entywizisa, embonzeleka kulaa ngxowa yakhe
yesikhumba. UHlobo ukhawuleze waya kumthintela, wee rhutyu loo msesane
epokothweni, wawuthi qhiwu: 'Ingaba uthetha ngalo msesane?'
Ithe nqumama intokazi, imangalisiwe, amehlo ethe gwantyi iinyembezi.
Ithe cebu ecaleni, ifuna ukudlula: wayithintela kwakho uHlobo. Iphinde yaqala 15
phantsi ukufixiza. Unge uxhelelwe umfo wakwaHlobo akuzibona ezo
nyembezi zisihla ngezo zidlele sezijike zabomvu, zinqumla umbombo.
Uphinde weva engxoweni yakhe yebhatyi. Rhutyu laa volovolo,
i-,38 automatic!
Zithe nqumama ngephanyazo ezo nyembezi, amehlo aye enwebeka 20
ngokunwebeka anga atyhudisela ukuba aphume ngeenkophe. 'Uthini ke
ngoku?' libe lelo elikaHlobo, engasaguyi ngako, 'Simangandini! Uyifumene phi
ke leyo?'
'Yeyakho, nkosazana. Akwazinakana namhlanje izinto zakho kutheni?'
'Yeyam, ndiyayazi, andiyiphiki. Uyifumene phi? Kunini yalahleka.' 25
'Ungandixeleli.'
'Ndikuxelela inene emsulwa; kudala yalahleka.'
'Ndikuthanda xa usitsho.'

2.1.1 Xela indawo eliqhubeka kuyo ibali ngokwakwesi sicatshulwa. (1)

2.1.2 Libe yintoni igalelo likaThembisa Ntlokonkulu kule ngxoxo? (2)

2.1.3 Nika injongo yokusetyenziswa kwengxoxo kwesi sicatshulwa. (2)

2.1.4 Ngqina ngeengongoma eziNTATHU ukufaneleka kwegama


athiywe lona uLinda kule noveli. (3)

2.1.5 Nika intsingiselo yegama elibhalwe ngqindilili


ngokwakwisicatshulwa. (2)

2.1.6 Cacisa ngeengongoma eziNTATHU ukuba isifo samagxa sikaLinda


silikhulise njani eli bali. (3)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 9 DBE/Novemba 2017
NSC

2.1.7 Loluphi udidi lwempixano olutyhilwa yile ntetho ingezantsi?


Xhasa impendulo yakho.

'Ukuba liphupha, lisaphelele ke, nkosazana. Kukuwe ngoku.


Khanyela, uyatyholwa!' (3)

2.1.8 Nika udidi lwale noveli. Xhasa impendulo yakho. (2)

KUNYE

2.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA D

'Ungamhlebi uThembsie, sibali. Ungafika entenetyile.'


'Andimhlebi, tyhini; ndithetha inyaniso … Thembsie … Thembsie … Udinwe
kukulinda na ntombi okanye usaqhoshile? … Wena Thembsie!'
Utsho ekhaba ucango umf' omkhulu. Kaloku izandla zazixakwe ngumthwalo
osemhlana. 5
Uvuse intloko uHlobo ngaphaya kwetyholo – wabek' iliso.
Umfo lo wambukela kakuhle. Umbone kakuhle emi phambi komnyango
ongasevilini-apho ke babemshiye khona uThembsie engekadibani nenqindi
likaHlobo.
Uthe umfo akungafumani mpendulo, wawulahla umgodlo wentsangu. 10
Uthe rhutyu ithotshi engxoweni, wayihlaba. Uthe ngokubona ukuba akukho
Thembsie apho, waguqukela kucango olungemva.
Nalapho ufike wayihlaba ithotshi. Kungabanga kudala, uyilahle phantsi loo
thotshi, waxhoma izandla.
Kaloku apho ufike laa nkwenkwe yepolisa ibingaphakathi noThembsie 15
seyiwujolise kuye umpu. Akabanga sachitha xesha noHlobo kwelakhe icala.
Uyihlabe kwasika impempe. Yeka ke, bathe phushululu bonke ooNongqayi
kwamanye amatyholo. Athe esothuka amanye amadoda entsangu abe
serhangqwe macala zezo ngxilimbela zamapolisa. Ipolisa ngalinye lalithe chu
ithotshi kwesekhohlo, iyivolovolo kwesokunene. 20
Iwe ngaxesha nye imigodlo yentsangu, zaxhonywa ngaxesha nye izandla.
Kwakhona ibenguHlobo othe gqada phambili, ewalumkisa:
'Ukuba kukhe kwashukuma nokuba mnye kuni, litshil' ibhayi!!'
Esitsho nje, umpu wawuse ulungele ukudubula.
Kuhlabele yanye indoda: 'Siyazinikezela, zinkosi.' Namanye acule kwa elo 25
culo linye: 'Siyazinikezela, zinkosi.'

2.2.1 Ubaluleke ngantoni lo mxholwana wesi sicatshulwa kule noveli? (2)

2.2.2 Tyhila isigqebelo esivezwa kukubanjwa kwezi zikrelemnqa kwesi


sicatshulwa. (2)

2.2.3 Xela udidi lozobo azotywe ngalo uThembisa kwesi sicatshulwa. (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 10 DBE/Novemba 2017
NSC

2.2.4 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zingezantsi. Kule noveli


uHlobo ungumlinganiswa …

A oyintloko.
B ongumchasi.
C onguvalithuba.
D olitshijolo. (1)

2.2.5 Khetha impendulo echanekileyo kwizibiyeli:

Intetho ebhalwe ngqindilili ngumzekelo (wolwimi oluqweqwedisayo/


wolwimi olucengayo). (1)

2.2.6 Tyhila umfanekiso-ntelekelelo okwigama elinomgca ngaphantsi


kwisicatshulwa. (2)

2.2.7 Bhala iziganeko ezingezantsi ngokulandelelana kwazo ebalini.

(a) Ukundwendwela kukaHlobo eMoonglow Night Club.

(b) Ukufika kukaLulama endlwini kaEddie.

(c) Ukufumaneka kolwazi malunga neTape recorder.

(d) Ukundwendwela kukaHlobo eFemina House. (4)

2.2.8 Tyhila isimo sentlalo esikwesi sicatshulwa. (2)

2.2.9 Phawula ngokufaneleka kwesihloko sale noveli. (2)


[35]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 11 DBE/Novemba 2017
NSC

UMBUZO 3: UMONWABISI – Zama A Japhta

3.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA E

Oyena mntu yamkhubekisayo le nto yokukhalaza kwaba bantwana yaba


ngunina wabo, uMamTolo. Yamhlupha kakhulu into yokubona abantwana
bakhe betyelelelwa nguMonwabisi waza wazimisela ukuba uza kwenza konke
okusemandleni akhe ukuba asivale eso sikhewu. Wawungafika ke
engqongwe ngabo bantwana bakhe ebabunguzelela ngobubele ebanika oku 5
nokuya ngelithi ufuna nabo bazive ukuba kukokwabo apho.
NgakuMonwabisi? Ngokunokwakhe wayengenanxa naye emthatha
njengomntwana naye. Wayezama kangangoko anako uMamTolo ukuba
angamkhethi uMonwabisi, kodwa yona into yokuba wayengenguye owesizalo
sakhe yayicaca kumntu okufutshane naye. Kuthe kuba ke kungekho mntu 10
ukufutshane naye ngaphandle kwabantwana abo ayaqapheleka ke loo nto
yokuba uMamTolo wayemphatha ngendlela eyahlukileyo kunabakhe
abantwana uMonwabisi. Wayesithi ukuba ungene kwindlu abadlala kuyo
bonke aba bantwana ekhona naye uMonwabisi abonakalise ukukruquka
aze akhawuleze ambonele umsebenzi amakawenze uMonwabisi noxa 15
wayeselula kangako. UMonwabisi wayifunda eselula enjalo imisetyenzana
efana nokusenga, ukucoca imigangatho yaloo ndlu inkulu babehlala kuyo,
ukungcekelela i-emele yamanzi neminye imisebenzi awayemnika yona
uMamTolo. Lonke elo xesha enza le misetyenzana uMonwabisi abo bakhe
uMamTolo babukela okanye badlale apho endlwini. Ngelayo ke inkosikazi 20
kaRhadebe yayifuna into yokuba njengoko wayexatyisiwe nguRhadebe
uMonwabisi, azame ngako konke anako ukuba azazi ukuba uyintoni na apho.

3.1.1 Xela indawo eliqhubeka kuyo ibali ngokwakwesi sicatshulwa. (1)

3.1.2 Libe yintoni igalelo lokusweleka kukaMaRhadebe kusapho


lakwaThandabantu? (2)

3.1.3 Nika injongo yokusetyenziswa kwamazwi akrwelelwe umgca


ngaphantsi kwisicatshulwa. (2)

3.1.4 Ngqina ngeengongoma eziNTATHU ukufaneleka kwegama


athiywe lona uThandabantu kule noveli. (3)

3.1.5 Nika intsingiselo yebinzana, 'wayengenanxa naye'


elikwisicatshulwa. (2)

3.1.6 Cacisa ngeengongoma eziNTATHU ukuba umona kaMamTolo


ulikhulise njani eli bali. (3)

3.1.7 Loluphi udidi lwempixano olutyhilwa kwimigca ebhalwe ngqindilili?


Xhasa impendulo yakho. (3)

3.1.8 Nika udidi lwale noveli. Xhasa impendulo yakho. (2)

KUNYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 12 DBE/Novemba 2017
NSC

3.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA F

'Abekho ngokwangoku ke "Bra Sam" '.


'Ngxatsho ke ndoda, xa bebuya sele inguwe owongamele laa mashishini
kayihlo baze nabo bafune ukuba nento abayifumanayo ungathini?'

'Hayi, kaloku ngoodade wethu kwaye badala kum ngoko ke ndakuvumelana


neminqweno yabo.' 5

'Ngamanye amagama uya kuvumelana nabo nokuba bathi thengisani yonke


into ukuze nohlulelane ngemali?'

'Hayi bhuti andithethi kanjalo. Kaloku nabo baya kufumana isabelo


ngokuthanda kukatata, wona amashishini akanako ukuthengiswa kuba loo
mali iya kuba ivele ngawo. Abona bantu banokutsho ngokuthengiswa kwawo 10
ngutata nomama qha.'

Ngxatsho ke nyana, kulungile xa kunjalo. Unokuba uyabuza engqondweni


apho kuwe ukuba le mibuzo iya phi na. Mandenjenje ke Monwabisi: Ngoku
kufikelele ixesha lokuba uphumze utata wakho uthabathele kuwe ulawulo
lwala mashishini akhe. Ukuthathela ulawulo lwawo aluthethi ukuba ngoku 15
ungenza nantoni ova uyifuna ngawo. Ukuba ubundimamele, imibuzo yam
siqala ukuthetha bendifuna ukubona ukuba unako na ukuluthwala olu
xanduva luza kuwe.

Ngoku nguwe oza kungalali ngenxa yomsebenzi, nguwe oza kugxekwa


xa kukho okungahambi kakuhle. Ngoku kumhla wohlukeneyo nabahlobo 20
nolonwabo neziyolo. Ngoku ungusomashishini, ungumzali, uyinkokheli,
ungumhluzi wokulungele nokungalungele la mashishini kayihlo. Ngoku
nguwe thina esakuthi udlalise wachitha intsebenzo yeminyaka
kaThandabantu.

3.2.1 Ubaluleke ngantoni lo mxholwana wesi sicatshulwa kule noveli? (2)

3.2.2 Tyhila isigqebelo esivezwa kwesi sicatshulwa. (2)

3.2.3 Xela udidi lozobo azotywe ngalo uMonwabisi kwincoko yakhe


no 'Bra Sam'. (1)

3.2.4 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zingezantsi. Kule noveli


uThandabantu ungumlinganiswa …

A oyintloko.
B ongumchasi.
C onguvalithuba.
D olitshijolo. (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 13 DBE/Novemba 2017
NSC

3.2.5 Khetha impendulo echanekileyo kwizibiyeli; Intetho ebhalwe


ngqindilili ngumzekelo (wolwimi oluqweqwedisayo/wolwimi
olucengayo). (1)

3.2.6 Tyhila umfanekiso-ntelekelelo okwibinzana elinomgca ngaphantsi


kwisicatshulwa. (2)

3.2.7 Bhala iziganeko ezingezantsi ngokulandelelana kwazo ebalini.

(a) Ukuya kukaHlubikazi eThekwini.

(b) Ukubandezwa kukaMonwabisi imfundo.

(c) Ukusweleka kukaGcinikhaya ngengozi.

(d) Ukuvalwa kwamashishini kaThandabantu. (4)

3.2.8 Tyhila isimo sentlalo esikwesi sicatshulwa. (2)

3.2.9 Phawula ngokufaneleka kwesihloko sale noveli. (2)


[35]

AMANQAKU ECANDELO A: 35

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 14 DBE/Novemba 2017
NSC

ICANDELO B: IDRAMA

UMBUZO 4: NDIYEKENI – DM Jongilanga

4.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA G
NDILA: Ungawacula nje onke loo matyala. Andisayi kuze ndibe yintsika
yakho njengooSammy aba. Udaka olutyatyekwe phezu
kwesamente luxobuka zingekakhali nokukhala ezesibini iinkuku.
MAZIKO: Yinile! Utheni kakade! Utywala buz'entloko ngoku?
NDILA: Andinaxesha leencede Sammy xa ndijongene nesangxa. 5
MAZIKO: Kwedini akubazi abantu. Ndingakusonga ube yifayidukhwe
ngoku.
NDILA: Ingakhonkotha isiny'amazinyo. Kufayayo.
LONI: Maziko, hayi khona. Manene sisikolo esi nicinga ukuba niphi
(Ebetha itafile ngamandla, bee gogololo). Kuyacaca ukuba 10
sibhutya-bhutyana nesanga nenkohla. Ke amade ngawetyala.
Lo mcimbi ndiyawudlulisa ndaye andisayi kubuya mva. Xa uNdila
ekholwa lolukaBenya ulungile.
MAZIKO: Ndicinga ukuba chief, uDicksie akaqondi kakuhle.
LONI: Asiyoyam leyo indima yeyekomiti. Kwanele ngoku. Ukuba 15
akarhoxi kwesi sithuba sakhe andikhwelele, ndazi mhlophe ukuba
unomasinana ukholwa ngamanz'ashushu.
NDILA: Ndirhoxe?
LONI: Ngowakho lowo umqa awufuni mna.
NDILA: Awu! Wenzani na chief? Kutheni lento ngathi akuyondoda. 20
LONI: Ukuze kube ndiyindoda kufuneka ndibe ngumkakho?
NDILA: Hiawu! Madoda kulula ukucikoza nixel'intengu xa
ningekarhawulwa ngumlilo.
LONI: Kuya kuthi ukuze kulunge side sirhawulwe nathi?
NDILA: Hayi noko ziinkosi zam bendingazi ukuba kanti senikumhlaba 25
wokunukiselana ngamakhwapha – ukuba kunjalo ke ndicela uxolo
chief umnatha undibambile.
LONI: Umnatha uqhinwe watshixwa nguwe, kwaye isekwanguwe
nomgcini sitshixo. Okokuba bendingahlonelanga usapho lwakho,
esi sihlalo sakho kwesi sikolo ngekudala sahlum' ingca. 30

4.1.1 Xela indawo eliqhubeka kuyo ibali ngokwakwesi sicatshulwa. (1)

4.1.2 Libe yintoni igalelo likaLiziwe kwityala likaNdila elixoxwayo? (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 15 DBE/Novemba 2017
NSC

4.1.3 Nika injongo yokusetyenziswa kwengxoxo kwesi sicatshulwa. (2)

4.1.4 Ngqina ngeengongoma eziNTATHU ukufaneleka kwegama


athiywe lona uMaziko kule drama. (3)

4.1.5 Nika intsingiselo yegama elibhalwe ngqindilili


ngokwakwisicatshulwa. (2)

4.1.6 Cacisa ngeengongoma eziNTATHU ukuba ukuthanda utywala


kukaNdila kulikhulise njani eli bali. (3)

4.1.7 Loluphi udidi lwempixano olutyhilwa yile ngxoxo kaNdila noLoni?


Xhasa impendulo yakho. (3)

4.1.8 Nika udidi lwale drama. Xhasa impendulo yakho. (2)

KUNYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 16 DBE/Novemba 2017
NSC

4.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.


ISICATSHULWA H

(Kuthe kusithi chapha ilanga sabe sesiboniwe isidumbu sikaMawonga kuba


abarhuqi ababanganakho ukufikelela emfuleni kukothuswa yimoto.
Abizwa amapolisa, asithabatha isidumbu, sasiwa emapoliseni. Kuthe
kwakungabikho nxeba, saqhaqhwa kwafumanekisa ukuba umfi ubulewe
yityhefu. Sibona oontamnani abanumzana D Njobe no-S Maqhinga kwaLoni.) 5
NJOBE: Nkosikazi masikucele okokuba usinyamezele. Size apha
ngophando lokusweleka komyeni wakho.
MAQHINGA: Siza kubuza nje imibuzo embalwa ngomfi lo.
THANDIWE: Kulungile. Ingaba kukho kukrokreleka na kule nto?

NJOBE: Hayi nkosikazi, siqhuba isiko loburhulumente. Umyeni wakho 10


ebeginya?
THANDIWE: Kakhulu.
NJOBE: Ziziphi iindawo abethanda ukubutha kuzo. (Cwaka)
MAQHINGA: Sithetha iindawo ebesela kuzo.
THANDIWE: Ubekholisa ukusela kwaThulethu, kodwa indawo ebesehlala 15
kuyo kukwaFuneka.
NJOBE: UFuneka lo uyintoni kuye?
THANDIWE: Kulapho kuhlala uZanele owandihlutha umfi lo.
MAQHINGA: O! Mandithi nkosikazi ucinga ukuba ngumntu wakhe?
THANDIWE: Andicingi ndiyanixelela nakuba ke phofu ndiva ukuba ngoku 20
ufe selegxothwa apho oko waphelelwa ngumsebenzi.
NJOBE: Mh … Umfi lo umgqibele nini?
THANDIWE: Ngosuku olwandulela olu acholwe ngalo. Zange atye imini
yonke, wemka ngorhatya, seva isithonga kwakusa.
MAQHINGA: O! Uhlala phi uFuneka lo noZanele? 25
THANDIWE: Apha kwa-N.U. 3.
NJOBE: Siyabulela nkosikazi. Sisagqibile okwangoku. (Baphume
baphindela e-ofisini apho bafike sekukho uNomawele
Ngaliphi.)
NJOBE: Uthini sisi wam? Singakwenzela ntoni? 30
NOMAWELE: Ndifuna ukukubona bucala sajini. (Bangene kwelinye igumbi.)

4.2.1 Ubaluleke ngantoni lo mxholwana wesi sicatshulwa kule drama? (2)


4.2.2 Tyhila isigqebelo esivezwa kwesi sicatshulwa. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 17 DBE/Novemba 2017
NSC

4.2.3 Xela udidi lozobo azotywe ngalo uMawonga kwincoko kaThandiwe


noSajini enomgca ngaphantsi. (1)

4.2.4 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zingezantsi. Kule drama


uNomawele ungumlinganiswa …

A oyintloko.
B ongumchasi.
C onguvalithuba.
D olitshijolo. (1)

4.2.5 Khetha impendulo echanekileyo kwizibiyeli; Intetho ebhalwe


ngqindilili ngumzekelo (wolwimi oluqweqwedisayo/wolwimi
olucengayo). (1)

4.2.6 Tyhila umfanekiso-ntelekelelo okwibinzana elinomgca ngaphantsi


kwisivakalisi esingezantsi.

'Zange atye imini yonke, wemka ngorhatya, seva isithonga


kwakusa.' (2)

4.2.7 Bhala iziganeko ezingezantsi ngokulandelelana kwazo kulo mdlalo.

(a) Ukuya kukaMaziko kwaNdila.

(b) Ukugxothwa kukaNdila emsebenzini.

(c) Ukufika kukaNomasoka noRay kwaLoni.

(d) Itheko lakwaFuneka. (4)

4.2.8 Tyhila isimo sentlalo esikwesi sicatshulwa. (2)

4.2.9 Phawula ngokufaneleka kwesihloko sale drama. (2)


[35]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 18 DBE/Novemba 2017
NSC

UMBUZO 5: INZALA YAMARHAMBA – Madoda Mlokoti

5.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA I

NCAPHAYI: Heke. – Ndilapho kanye. Lo mntwana andiyifumani ingqondo


yakhe kwaphela. Ukhe umve khona wena encokola nodade –
wabo nabantakwabo?
MATSHEZI: Hayi tata, uyinto esoloko izivalele egumbini lokulala, suka amke
ngorhatya abuye ezinzulwini zobusuku. 5
NCAPHAYI: Nantso ke. Ikho le nto imtyayo lo mntwana, kunjalo inkulu.
Uyaqonda phofu ukuba uBantubomzi noNtomboxolo ngabona
baselula yaye bamele ukujonga kuye njengomzekelo, kodwa
hayi akanguwo umzekelo konke-konke.
MATSHEZI: Hayi kona kunjalo tata, ibe eyona nto indixhalabisa nangakumbi 10
yile yokuba umkhuluwa lo wabo uZanoxolo uyakhwela kulo
nyaka uzayo, uya emLungwini eKapa. Sakuba ngabakabani
kusakuba njalo.
NCAPHAYI: Liyinene elo nkosikazi, ibe asinakumbamba uZanoxolo sithi
makangahambi, naye ayokuziqwebela obakhe ubomi, 15
njengendoda.
MATSHEZI: Ubucebisa ntoni Tolo, utsho usithini? Ngoba mna asikuko
nokuba ndithule nje andiboni, ntonje kukuxakwa, kudala
ndithetha naye lo mntwana kodwa ha-a … akuvumi.
NCAPHAYI: Uye athini xa uthetha naye nkosikazi? 20
MATSHEZI: Uphendula nje loo nto ibuzwayo, emva koko aqhubeke
eqwalasele kulaa mnxeba wakhe. Akathethi.
NCAPHAYI: Yintoni khona kakade le asoloko ngalo lonke ixesha eyiqolozele
kulo mnxeba?
MATSHEZI: Hayi tata! … Banjalo bonke wethu aba bantwana, ingene 25
nakwabancinci ngoku le nto. Akukho mntu uncokolayo apha
kweli khaya ngoku, bonke baqolozele kule minxeba yabo,
abeva umntwana sowumbiza.
NCAPHAYI: Ngenene ngenene yintoni MaTshezi le bayiqolozeleyo kule
minxeba? 30

5.1.1 Xela indawo eliqhubeka kuyo ibali ngokwakwesi sicatshulwa. (1)


5.1.2 Libe yintoni igalelo likaDina kolu nxunguphalo lwabazali bakhe? (2)
5.1.3 Nika injongo yokusetyenziswa kwengxoxo kwesi sicatshulwa. (2)
5.1.4 Ngqina ngeengongoma eziNTATHU ukufaneleka kwegama
athiywe lona uZanoxolo. (3)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 19 DBE/Novemba 2017
NSC

5.1.5 Nika intsingiselo yebinzana, 'uya emLungwini' elikwisicatshulwa. (2)


5.1.6 Cacisa ngeengongoma eziNTATHU ukuyekelela kukaMaTshezi
ekuqeqesheni abantwana kulikhulise njani eli bali. (3)
5.1.7 Loluphi udidi lwempixano olutyhilwa sisenzo sikaNyoka sokugxotha
uDina akukhulelwa emsebenzini? Xhasa impendulo yakho. (3)
5.1.8 Nika udidi lwale drama. Xhasa impendulo yakho. (2)
KUNYE
5.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.
ISICATSHULWA J
(Lusuku olulandelayo ngoMgqibelo, kusehotele kwaThambolenyoka.
Egumbini elingaphakathi nguNoyongo noNomhase. UNozigoci ugetyengiwe,
ngendlela efanayo nekaNozici.)
NYOKA: (Esothuka) Nithi kutheni?
NOYONGO: Kunjalo Mlungu. 5
NYOKA: Yinto eyenzeke njani leyo?
NOYONGO: Kuthiwa ucholwe ngamapolisa emva kwentsimbi yethoba
phezolo Mlungu. Ucholwe equngquluze phambi kwendlu leya
bebehlala kuyo noNozici.
NYOKA: Kuthiwa wenzakele njani? 10
NOMHASE: Naye kuthiwa linxeba linye Mlungu, emqolo. Lingene ngemva
ezimbanjeni latyhubela laya kuhlaba intliziyo. Kubonakala
ukuba bekuxa avula umnyango, kuba kuthiwa ufunyenwe
efumbethe isitshixo esandleni.
NYOKA: Akukho nto ithathiweyo kuye? 15
NOYONGO: Hayi Mlungu nesipaji sakhe sifunyenwe sisekuye.
NYOKA: (Uthule ithutyana ecinga ejonge phantsi, suka wagqabhuka
ngumsindo.) Niyayibona le nto ndiyithethayo, ndisithi kuni
bambani laa mntwana unxibe impahla emnyama. Niyaphela
ngoku. Kule veki iphelileyo ibinguNozici, ngoku nguNozigoci. 20
Ngubani owaziyo ukuba kule izayo iza kuba ngubani?
Mhlawumbi nguwe Nomhase, Noyongo okanye ndim. Kwazi
bani?
NOYONGO: Kodwa makhe sithethele phantsi. Mlungu nawe usuka
usihwahwe ngamanye amaxesha singakwazi nokucinga. 25
Yini Mlungu wam kunini sasebenza nawe sithembekile.
Ewe yona into yokugetyengwa kukaNozici noNozigoci ngolu
hlobo ayehli kamnandi nakuthi. Kodwa wena usuke uthi
sisazama ukusebenzisana nawe usihwahwe ngolu hlobo.
Usebenzise amazwi abukhali nahlabayo, usaphule iintliziyo. 30
NOMHASE: Ewe kunjalo Mlungu. Unyanisile uNoyongo. Akuzange kube nje
apha kweli khaya.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 20 DBE/Novemba 2017
NSC

5.2.1 Ubaluleke ngantoni lo mxholwana wesi sicatshulwa kule drama? (2)

5.2.2 Tyhila isigqebelo esivezwa kwintetho kaNyoka enomgca


ngaphantsi. (2)

5.2.3 Xela udidi lozobo azotywe ngalo uNyoka kwintetho kaNoyongo


engezantsi.

'Mlungu nawe usuka usihwahwe ngamanye amaxesha singakwazi


nokucinga.' (1)

5.2.4 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zingezantsi. Kule drama


uNomhase ungumlinganiswa …

A oyintloko.
B ongumchasi.
C onguvalithuba.
D olitshijolo. (1)

5.2.5 Khetha impendulo echanekileyo kwizibiyeli; Intetho kaNoyongo


ebhalwe ngqindilili ngumzekelo (wolwimi oluqweqwedisayo/
wolwimi olucengayo). (1)

5.2.6 Tyhila umfanekiso-ntelekelelo okwibinzana elinomgca ngaphantsi


kwisicatshulwa. (2)

5.2.7 Bhala iziganeko ezingezantsi ngokulandelelana kwazo kulo mdlalo.

(a) UMzunzima nenkosikazi yakhe bathenga umzi ngakuKomani.

(b) UKuku ugxothwa emsebenzini.

(c) UZanoxolo ubhaqa isixhobo emotweni kaDina.

(d) UDina uzuza isipho ilaptop. (4)

5.2.8 Tyhila isimo sentlalo esikwesi sicatshulwa. (2)

5.2.9 Phawula ngokufaneleka kwesihloko sale drama. (2)


[35]

AMANQAKU ECANDELO B: 35

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 21 DBE/Novemba 2017
NSC

ICANDELO C: AMABALI AMAFUTSHANE

UMBUZO 6: NDAKUYICELA IVUTHIWE – LL Ngewu no EZ Guqa

6.1 'UMHLAHLO NGAMEHLO' – LL Ngewu

Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA K

Umtshutshisi uyikhalele le nkewu wayityityimbisela umnwe ngelithi isengozini


engenakuthelekiswa nanto kuba idlala ngekhuba kuziliwe, koko loo mazwi
awe kumntu ongawananze nganto.
Kuphakame ngoku ummeli kaZolani wacela ukuba ummangali aphendule nje
imibuzwana embalwa. Nakuba umfo lo ethembise ukuba imibuzo yakhe 5
imbalwa, uyingxixhile le ntwazana ngemibuzo eyipheka eyophula engayiphi
nelincinci ithuba lokuphefumla. Uqale lo mfo wangathi unqol' intaba,
engabonakali inkalo aza kuqabela kuyo kweloo qhina lingumnqantsa.
'Khawutsho ke, Nompoxeko, ngokuya wawusiya kule holo yokhuphiswano
loonobuhle wawuhamba nabani?' 10
'Ndandihamba noZuziwe noZanele.'
'Babephi ke aba bantu wawuhamba nabo ngoku uhlelwa sesi sihelegu?'
'Ndandibashiye eholweni.'
'Wawubaxelele ukuba uyahamba?'
'Zange ndibaxelele.' 15
'Olu khuphiswano wawuye kulo lwaluseluphumile ngoku ugodukayo?'
'Lwalungekaphumi.'
'Ngale mini yolu khuphiswano kwakushushu nokuba kwakubanda?'
'Kwakubanda kakhulu kunjalo.'
'Kubande sowumkile ekhayeni lakho nokuba umke ekhaya sekubanda?' 20
'Ndimke sekubanda.'
'Kanti walishiya ikhaya lakho sekubanda nje kwakutheni ukuze unxibe
isigqebhezana sesibheshu esinje ukuba sincinane?'
'Mna ndinelungelo lokunxiba loo nto ithandwa ndim.'
'Ingathi ukuze siphale kunye kufuneka uphendule imibuzo ebuziweyo.' 25

6.1.1 Xela indawo eliqhubeka kuyo ibali ngokwakwesi sicatshulwa. (1)

6.1.2 Libe yintoni igalelo likaZolani kule ngxoxo? (2)

6.1.3 Nika injongo yokusetyenziswa kwengxoxo kwesi sicatshulwa. (2)

6.1.4 Ngqina ngeengongoma eziNTATHU ukufaneleka kwegama


athiywe lona uNompoxeko kweli bali. (3)

6.1.5 Nika intsingiselo yegama elikrwelelwe umgca ngaphantsi


ngokwakwisicatshulwa. (2)

6.1.6 Cacisa ngeengongoma eziNTATHU ukuba ukuxhaphaza


amantombazana kukaZolani kulikhulise njani eli bali. (3)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 22 DBE/Novemba 2017
NSC

6.1.7 Loluphi udidi lwempixano olutyhilwa yile ngxoxo ibhalwe ngqindilili?


Xhasa impendulo yakho. (3)

6.1.8 Nika udidi lweli bali lifutshane. Xhasa impendulo yakho. (2)

KUNYE

6.2 'KANTI ANDIZENZANGA!' – LL Ngewu

Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA L

Amakhwenkwe elali yakowabo eSikhobeni akhe ambizela imbizo lo nyana


kaXhalabile ngeenjongo zokumngxolisa ngokunqaba kwakhe kwiimbizo
neentlanganiso zamakhwenkwe. Uye emadol'anzima kule mbizo kuba esazi
ukuba incinci into emdibanisa nezi nkewu. Kuthe kanti akusiyo mbizo nje le,
koko lityala ngobutyala balo. Isityholo abekwa sona ibe isisityholo sokusoloko 5
ephakathi kwamantombazana. Akadananga lo mfo akuhliwa entloko ngolu
hlobo, koko uthethele phantsi ebuza ukuba ukuzibandakanya
kwakhe namantombazana yinto eyonani leyo. UThembelani ukhawuleze
wamtyityimbisela umnwe emthembisa ukumhlaba impama, koko
ummangalelwa woyikise ngelithi unina angabhinqela phezulu ukuba nje 10
angeva ukuba wehliwe ngempama ngumntu angazalaniyo naye.
La makhwenkwe athethe ophela, phofu ethetha izinto zasendle kucaca ukuba
lo mfo amkhupha ekhaya emfaka kubom bobundladiya nobundlavini
basendle. Ugoduke apho engenabhongo, ebhokoda ebhejile ukuba soze
aphinde abe nanto yakwenza nezinjalo izibhovubhovu. 15

Amakhwenkwe elali athande ukumphatha kakubi lo mfo phofu kubonakala


ukuba anxuse ukuba naye aziphathe kakubi, nto ke leyo ebengahambisaniyo
nayo uMntuyedwa. Babezama ngandlela zonke ukuba ade angene
aphelele kwisikolo sokuqaqadeka, kodwa umfo kaXhaphile uzame
ngandlela zonke ukuchasela angaqheliseli nokuqhelisela oku. Ebenentlondi 20
amakhwenkwe aseSikhobeni, into ke leyo ebengayingenanga uMntuyedwa.

6.2.1 Ubaluleke ngantoni lo mxholwana wesi sicatshulwa kweli bali? (2)

6.2.2 Tyhila isigqebelo esivezwa kwesi sicatshulwa. (2)

6.2.3 Xela udidi lozobo azotywe ngalo uThembelani kwesi sicatshulwa. (1)

6.2.4 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zingezantsi. Kweli bali


uNtandoyakhe ungumlinganiswa …

A oyintloko.
B ongumchasi.
C onguvalithuba.
D olitshijolo. (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 23 DBE/Novemba 2017
NSC

6.2.5 Khetha impendulo echanekileyo kwizibiyeli; Intetho ethi, 'Mna,


bawo, bendingazikhethela ukuba ngumntu wasetyhini',
ingumzekelo (wolwimi oluqweqwedisayo/wolwimi olucengayo). (1)

6.2.6 Tyhila umfanekiso-ntelekelelo okwigama elinomgca ngaphantsi


kwisivakalisi esingezantsi.

'… uzame ngandlela zonke ukuchasela angaqheliseli


nokuqhelisela oku.' (2)

6.2.7 Bhala iziganeko ezingezantsi ngokulandelelana kwazo ebalini.

(a) Imbizo yakomkhulu.

(b) Ukufika kukaMntuyedwa eMnyameni.

(c) Ukufika kukaNtandoyakhe kwaMaDosini.

(d) UMaDosini undwendwela kwamfundisi. (4)

6.2.8 Tyhila isimo sentlalo esikwesi sicatshulwa. (2)

6.2.9 Phawula ngokufaneleka kwesihloko seli bali. (2)

AMANQAKU ECANDELO C: 35

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 24 DBE/Novemba 2017
NSC

ICANDELO D: ISIHOBE

Phendula imibuzo esetwe kwimibongo YOMIBINI.

UMBUZO 7: IVAMNA BAFAZI BOLUSU – Sibongile Maputi nabanye

7.1 Funda esisicatshulwa sombongo singezantsi uze uphendule imibuzo


elandelayo.

MFAZINDINI WASE-AFRIKA – KN Manciya


1 Yizani bantu ningqine nank' umhlola.
2 Namhla kumhla ndalam' isimanga.
3 Silo sini na esi sity' utyani ngerhengqe?
4 Yintoni na le inje mzi wakowethu aph' ekhaya?
5 Usisilo na nokokuba ungumntu na?
6 Thetha kaloku, usabele xa ungumntu. Yeha!
7 Lixhishini utyani urheme bumthe swii.
8 Usisidla –tyani na de uthi swii mazindini?
9 Mazindini emabele abhonxel' ukwanyisa
10 Umthinjana nomlisela wakowethu uqhayisa ngani na?
11 Untsintsitheka naloo nyanda yeenkuni wobasela usapho na?
12 Loo mgqomo wamanzi uwungcekelele unzima unjalo na?
13 Uqengqana nembokotho elityeni wophekela usapho na?
14 Loo ti intubululu yenziwe kwanguwe ngalo mzuzwana na?
15 Isenguwe na mazindini yakowethu okhalelwa lusana?
16 Laa mbadu ngasebuhlanti iyoliswe yingalo yakho na?
17 Kuloo maqhwa aqhaqhazelisa imihlathi,
18 Ndithe mandla umfazi waseAfrika edovud' udaka,
19 Ath' exovaxova ab' enyovanyova ngezo zandla.
20 La mazwembezwembe ulungiselela iimini zikaXakeka emtyantini.
21 Ndimalam' entsintsitheka neziqonga zeepali ezidal' incilikithi;
22 Exhibitheka nje, ubawozala ukhala ngebhekilana yomthayi.
23 Yaya phi na imfobe kwesi sizwe sethu mdakasholondini?
24 Mazi zase-Afrika zona kade zayibamb' itshisa, sithi ngxe!

7.1.1 Nika injongo yokusetyenziswa kwegama u 'Yizani' kumqolo


woku-1. (1)

7.1.2 Chaza umhlola obonwa yimbongi ngokwesitanza soku-1. (2)

7.1.3 Iqaqambisa ntoni imbongi ngomqolo we-9? (2)

7.1.4 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zilandelayo. Umlisela


nomthinjana' ngokwakumqolo we-10 …
A ngabafazi namadoda.
B ngabafana neentombi.
C ziinkunzi neemazi.
D ziinkonde neenkondekazi. (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 25 DBE/Novemba 2017
NSC

7.1.5 Xela imisebenzi ibemiBINI eyenziwa ngumfazi wase-Afrika


ngokwembongi kwisitanza sesi-2. (2)

7.1.6 Chaza ukuba imbongi imbona njengomntu onjani umfazi


waseAfrika ngokwakwisitanza sesi-2. (2)

7.1.7 Chonga umqolo obonisa ukuba lo mfazi uhamba kwindawo


ezinengqele. (1)

7.1.8 Tolika okuthethwa ngumqolo wama-21. (2)

7.1.9 Mfanekiso ngqondweni mni oziswa ligama 'Exhibitheka' kumqolo


wama-22? (1)

7.1.10 Zifana ngantoni izitanza ezibini zokuqala zesi sicatshulwa


sombongo ngokwesakhiwo? (2)

7.1.11 Nika umyalezo odluliswa yimbongi kulo mbongo. (2)

KUNYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 26 DBE/Novemba 2017
NSC

7.2 Funda lo mbongo ungezantsi uze wandule ukuphendula imibuzo elandelayo.

UMNQAYI – S Maputi

1 Untongani le ingazanga yabetha?


2 Untongani le ingalaliswayo?
3 Untongani le ikwazi ukuthetha?
4 Untongani le ingaqoqwayo?
5 Awufakwa ntsilathi nadalo.
6 Lo mnqayi usikelelekile.

7 Asinduku le ukuhlonipheka;
8 Ngobumnyama nesithozela;
9 Ayichathwa bhinqa nankwenkwe;
10 Phofu ayihlali nezinye izagweba;
11 Lo mnqayi uthamsanqelekile.

12 Amakrwala athweswa ngawe,


13 Khu ngokunene oobhuti abatsha.
14 Begcine umfaneleko nokuxabiseka;
15 Bangcembe bekhangele phantsi;
16 Ingekuko ukuthanda kodwa intlonipho
17 Yakho mnqayindini.

18 Yintoni le ityhulu ngawe,


19 Imicimbi oyisindlekayo inesizothe nje?
20 Kumangalwa ngawe kwaXhosa;
21 Ugodusa isisu uqhube nekhazi;
22 Loo madoda emva kwezo nkomo,
23 Awaphazami ukuphekuza ngawe.
24 Akufika emzini awabuzwa,
25 Kuyaziwa, inyewe lulwendiselwano;
26 Kwakubonwa wena kuthethwa ngosingaye,
27 Hayi inyewe yobukhozi.

7.2.1 Xela isixhobo sohlalutyo esikrwelelwe umgca ngaphantsi


kwisitanza soku-1? (1)

7.2.2 Chaza okutyhilwa ngumbuzo buciko okumqolo wesi-3. (2)

7.2.3 Xela isafobe esisetyenziswe kumqolo wama-21. (1)

7.2.4 Kutheni umnqayi ungachathwa ngamabhinqa namakhwenkwe


ngokwembongi? (2)

7.2.5 Siphuhlisa ntoni isifanekisozwi esingu 'khu' kwisitanza sesi-3? (2)

7.2.6 Linika ntsingiselo ni igama elibhalwe ngqindilili kumqolo we-15? (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


IsiXhosa Ulwimi Lokuqala Olongezelelweyo (FAL)/P2 27 DBE/Novemba 2017
NSC

7.2.7 Xela iindlela zibeMBINI osetyenziswa ngazo umnqayi


ngokwesitanza sesi-4. (2)

7.2.8 Ludidi luni lombongo olu? (1)

7.2.9 Sahluke njani isitanza sesi-3 kwesesi-4 ngokwesakhiwo? (2)

7.2.10 Nika umxholo walo mbongo. (2)

AMANQAKU ECANDELO D: 35
AMANQAKU EWONKE: 70

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

You might also like